Umyalezo wabaziwayo kwi-16 Days of Activism!

Ziphinde zafika iintsuku ezilishumi elinesithandathu zentshukumo yokulwa nempatho-gadalala ngakumanina kunye nabantwana (16 Days of Activism of No Violence Against Women and Children).

Esi siganeko siqatshelwa rhoqo ngonyaka phakathi kwe-25 Novemba ukuya kwi-10 kuDisemba. Sithabathe imiyalezo koosaziwayo abaliqela, amadoda anefuthe ekuhlaleni naseluntwini jikelele.

Bathethe benjenje:

“Apha kule nto ibubomi sizalwa ngumfazi, sikhule njengabantwana, sithi ke ebudaleni sijike sixaphaze le nto sisuka kuyo? Ngumbuzo endiye ndizibuze wona rhoqo. Njani ukuba umntu azalwe ngumfazi, axhaphaze umfazi. Njani evela ebuntwaneni, ajike axhaphaze abantwana? Yanga ezi ntsuku zilishumi elinesithandathu zingatshintsha zibe ziintsuku ezingama-365 zokulwa ukuxhatshazwa kwabasetyhini nabantwana.” Unathi Kondile, Umhleli, we-I’solezwe lesiXhosa.

“Oku kufanele kuqwalaselwe iintsuku zonke zonyaka.

Ootata babizelwe ukuba bakhokele iintsapho emakhayeni nasezinkonzweni. Ngoko ke kufanele babengumzekelo omhle weenkokeli. Iinkokheli ezithanda iintsapho kunye nabantwana bazo, iinkokheli ezixabise onke amanina kunye nabantwana jikelele.Yiba ngutata onomahluko, ongaxhaphazi bantwana noomama.”

Butho Vuthela, imvumi yomculo wevangeli eMzantsi Afrika.

“Ezi ntsuku ziyi 16 mazivuselele isasela kuthi ingakumbi madoda ukuba abasetyhini kumele sibakhusele sibathande kwaye sibaxhase. Madoda masibengumzekelo kubantwana bethu nanjengoko sisisithunzi sabo, konke oko sikwenzayo bona bayakopa kwaye bafunda koko sikwenzayo.

Ngako ke masichule ukunyathela nokuthetha kwethu ukuze singakhulisi izilwanyana. Masibakhusele ebubini bangoyiki thina. Indoda exhaphazayo ayiyondoda leyo. Lo nto ke ayiyonto yoba siyazi ngentsuku eziyi 16 kodwa imihla yonke. ”

Ayabonga Myeni, Umsasazi wenkqubo iWeekend Breakfast -kwiForte FM

“Oku mayibeyinto eqhubekayo imihla ngemihla, ingapheleli kwiintsuku ezilishumi elinesithandathu.Oku kungaqinisekisa ukuba amanina nabantwana bakhuselekile unyaka wonke, hayi ixesha elithile.” Mthunzi Mhaga, Isithethi kwisebe lobulungisa neenkonzo zoluleko.

“Impatho gadalala kumanina nabantwana asiyonto ehambisana nobuntu kunye nobuni bethu singabantu abantsundu. Ingumgqakhwe kwantu into yokuba indoda ixhaphaze usapho lwayo ekubeni ngeyikhusela. Abantu, ngakumbi amadoda, mabafundisane ukuziphatha nokukhusela iintsapho nesizwe sakowetu kwizinto ezihlazisa ubuni bethu.”

Nkosi Mlimandlela Ndamase, intloko yenqila yaseNgqubusini; eMampondweni.

“ Amadoda abalulekile ekulweni idabi loxhatshazo lwamanina nabantwana. Kungoku nje amadoda eli loMzantsi Afrika aqulunqa into ebizwa SA MENS CHARTER ukuncedisa abemi boMzantsi Afrika ukuqubisana nolu lwaphulo-mthetho.

Sikhuthaza amadoda kwiindawo zethu zokuhlala ukuba aqalise amaqonga amadoda kwaye abambisane noorhulumente basemakhaya. Akukho ngqungquthela nankomfa inokuphelisa olu lwaphulo-mthetho.

Ukuxhatshazwa ngokwesini kufuneka kwenziwe ulwaphulo-mthetho. Makuxhotyiswe amakhwenkwana asakhulayo kunye namadoda . Simatasa-tasa siququzelela amawonga e SA MEN OF YEAR AWARDS ukuhlonipha amadoda enza okuhle kwiindawo akuzo.” Rev Mbulelo Dyasi: Unobhala weSANAC MEN’S SECTOR.

“Uxhaphazo nololuphi na uhlobo olujoliswe kumntu olunina okanye umntwana, aluqinisi bunganga bakho okanye intlonipho, kodwa lukuthoba isidima. Musa ke ukwenza oko bungenakufuna kwenziwe kwinkosikazi okanye kwintombi yakho.”

Lulu Haarmans, umsasazi weenkqubo zamakhosikazi kuMhlobo Wenene fm.