UNAMBITHA Mpumlwana, nongusaziwayo odumileyo kwimidlalo kamabonakude weli, nguye ozakube ewongwa kwiBEAT Magazine Awards eMonti kwimpelaveki ezayo.
La mawonga, nangena kunyaka wesithathu kulo nyaka eqhuba, azakuthi jize uMpumlwana ngewonga lokuhlonipha ummi waseMpuma Koloni elibizwa iMy Eastern Cape Award.
Eli wonga, nesele lifunjathiswe umsasazi nonobuhle uZizo Beda-Tshwete, imvumi yeR&B uLoyiso Bala, liwonga abo baziinzalelwane zephondo leMpuma Koloni, nabaqaqambise eli phondo kumabakala ohlukeneyo aquka umculo, oonobuhle, ukudlala kwimiboniso, kumashishini njalo njalo.
Umsunguli wezi mbasa uSimphiwe “Smash” Mashexa uthi, “ Konke sele kume ngobume kwicala lamalungiselelo, kwaye amawonga alo nyaka anochatha kunalawo alo nyaka uphelileyo.”
UMashexa ukholelwa kwelokuba uMpumlwana ufanele ukuwongwa ngale mbasa.
“Sele eneminyaka emininzi ekwiqonga lolonwabo, kunjalonje ube kwimiboniso eliqela esele iphumelele iimbasa.
USis’ Nambitha uyazingca ngephondo leMpuma Koloni, kwaye ndikholelwa kwelokuba angabelana nabaninzi ngamava anawo kwezolonwabo,” utshilo.
UMashexa uthi “kulo nyaka bagxile kakhulu kuphuhliso lwamanina kungoko betyumbe uMpumlwana njengofanelwe liwonga le-My Eastern Cape.”
UMpumlwana waziwa kakhulu njengoMawande kwiGenerations, njengoMandlakazi kwi-Ashes to Ashes, ukanti ukwathabathe inxaxheba kwimidlalo efana no-Yizo Yizo, Interrogation Room, The Lab, uTsotsi, Isidingo, 7de Laan nezinye. Ngo2007, uMpumlwana waphumelela iwonga leGoldern Horn njengeBest Actress kwiTV Drama kumawonga wesibini weeSAFTAs.
IBEAT Magazine Award zizakube zibanjelwe eGuild Theatre ngoMgqibelo (9 July 2016). Zifumanele itikiti lakho nge-R150 eComputicket.
simphiwe.freddie@inl.co.za
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo