Ingqwayingqwayi yomculo womngqungqo uNduduzo Makhathini uza kuphethula inyanga yoomama ngokukhwel’ eqongeni angqungqe ngecwecwe lakhe elitsha eGuild Theatre eMonti ngomso uLwesine.
Lo sopiyano, umnyangi wesiNtu kwanemfundimani, ukhuphe icwecwe lakhe lesithathu elithi uNomkhubulwane, neliveliswe nguDon Was.
Ngokokutsho kukaMakhathini, uNomkhubulwane ngumfuziselo wesiThixokazi kwaZulu.
“Kukholeleka ukuba usisiThixokazi semvula, esiphononga indalo, ukhanyo kwanenzaliseko,” kutsho uMakhathini.
Maxa wambi uNomkhubulwane uyazibonakalisa ngesilwanyana, inkanyamba okanye umnyama.
UMakhathini ngokubamba kwakhe lo mnyhadala ngale nyanga yamanina kukuba wothulela umnqwazi inina elinguNomkhubulwane.
Kulo mngqungqo waseGuild Theatre, ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa ngomhla wama29 kuAgasti, uMakhathini uzakube ephelekwa nguAyanda Sikade (amagubu), Benjamin Jeptha (ibass ephindwe kabini) kwakunye noLinda Sikhakhane (isaxophone yetenor), nalapho iindwendwe ezikhethekileyo ingowaziwayo uDumza Maswana (ilizwi) noSakhile Simani (ixilongo).
UMakhathini akangomafikizolo eMpuma Koloni. Ulikhenkethe ngokupheleleyo ze washicilela neemvumi ezifana noZim Ngqawana noFeya Faku kwiminyaka yakhe engaphambili. Ukhe wakhokela nesebe lezomculo eFort Hare iminyaka eliqela evelisa iimvumi zaseMpuma Koloni eziliqela.
Kutshanje, uMakhathini uvelise icwecwe likaThandiswa Mazwai elithi Sankofa.
Amatikiti omsitho waseGuild Theatre ayafumaneka eComputicket ngeR200.
Ingaba iPirates inawo amandla okubhukuqa iMamelodi Sundowns?