UNelisiwe Sibiya uzibandakanya neScandal!

Nelisiwe Sibiya

Owayesakuba ngumdlali kumdlalo kamabonakude iDurban Gen, uNelisiwe Sibiya uyagaleleka okokuqala kumdlalo kamabonakude iScandal! kwi-etv, namhlanje uLwesibini.

Le nzwakazi neyayidlala indawo kaGqirha Mbali Mthethwa, igaleleka kulo mdlalo igama layo linguSanda, nongumama womntwana kaThapelo, nowaziwa kakhulu kulo mdlalo njengoTaps.

Ukufika kukaSanda kwenzeka emva kokuba efunde ngempumelelo entsha kaThapelo eBechafela, nelishishini losapho elinempumelelo. Emva koxolelwano phakathi koThapelo notata wakhe uKropolo, wathi naye wabandakanywa kwishishini losapho, nekulapho aphangela khona kungoku nje.

Nakuba egalelekile uSanda, konke ke oku uza kwenza ngobulumko, nalapho egqiba kwelokuba aqale ngokunxulumanisa uThapelo nonyana wakhe uKhumo ukuze babenobudlelwane njengoyise nonyana, emva kweminyaka engekho ebomini bakhe.

Esi ayisosigqibo esilula kuSanda, nanjengoko engumama ongatshatanga, nosebenze kanzima ukunikeza unyana wakhe isiseko esomeleleyo sobomi.

Ngenxa yothando olunzulu kwanokungagungqi ekuzinikezeleni kwakhe uSanda, utyale intlonipho nobubele kunyana wakhe uKhumo, eqinisekisa ukuba ukhula ngendlela eyiyo yokuziphatha.

Xa uThapelo edibana okokuqala nonyana wakhe, abathandi balo mdlalo bazoshiyeka bezibuza umbuzo wokuba – ingaba utshintshe ngokwenene na uThapelo? Kwaye ingaba zithini zona iinjongo zokugaleleka kukaSanda?

Ingaba ufuna ubudlelwane bokwenene phakathi koThapelo noKhumo, okanye kukhona okunye okunzulu nokungaphaya ajonge kona nokumalunga nempumelelo entsha kaThapelo?

Nakuba ezimisele ukugcina unyana wakhe endleleni eyiyo, uSanda akazimiselanga ukuvumela nantoni na phakathi kwakhe nonyana wakhe uKhumo.

Ungaphoswa ngulo mdlalo kamabonakude, iScandal! nodlala zonke iintsuku zeveki, ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa, kwi-etv.