Ungaphoswa ngumdlalo omtsha kwiMzansi Magic neM-Net!

Umdlalo omtsha wemihla ngemihla obizwa Precious Pearl uyaqala kwiMzansi Magic kunye neM-Net Family kwiveki ezayo, kwindawo kaCaribbean Flower ophelayo yena.

Abakhe umkhanyo bathi lo mdlalo uzakubalungela abalandeli balo mdlalo ngokuba sele enkonye imbasa ye2014 International Emmy for Best Telenovela, nezinye ezifana neBest Telenovela.

Ngokutsho komnatha waseBrazil, i-Universo Online, lo mboniso utsale izigidi zababukeli ezikuma-26 ngosuku, ngethuba udlala eBrazil. Ubalisa ngeminyaka yoo- 1930 noo- 40 kwaye ulandela ubomi bukaFranz Hauser, unyana kasozigidi ojamelene nemeko kaKhayeni no-Abeli, nalapho umntakwabo (half brother) uManfred ezama ukumbulalela kwiinduli zase Himalayas.

UFranz usindiswa ngunongendi othile kwikhaya loonongendi, kwaye uphela eba ngumhlobo nomnye woonongendi uAnanda. Uyise kaFranz ukholelwa kwelokuba unyana wakhe ubhubhile, nanko ebeka uManfred njengentloko yeshishini losapho, uFranz akubuyela kusapho lwakhe, oko kwamphambanisa uManfred.

Akube ebuyile, wadibana no-Amelia, umsebenzi wasefektri, baze bazizinqandamathe. Ngoku banomntwana uPearl obasengxakini akube uAmelia etyatyekwa ngesityholo, waze waphoswa entolongweni. Unongendi uAnanda waye wabhubha, abalandeli bakhe bazama ukukhangela uPearl kuba bekholelwa ukuba unesiphiwo esisodwa.

Uyaqala kengoku umdla webali… Iyaqla kwi Mzansi Magic ngoMvulo (30 Canzibe/May) ngo 16h30 nakwi M-Net City ngoLwesithathu (1 kweyeSilimela) ngo-17h00. Oku kuthetha ukuba, uM-Net City uzakuba semva ngeentsuku ezimbini kwiMzansi Magic, ngoko ke qiniseka ukuba ubukela kwisikhululo esinye ukuze ungaphazamiseki!