UTREVOR Noah uvele isihlandlo sekhulu (100) kwinkqubo ethi The Daily Show kule veki, kodwa baninzi abagxeki abangekamginyi ncam lo mmi woMzantsi Afrika.
Emva kweenyanga ezisixhenxe ehleli kwisitulo se-The Daily Show, kubonakala ngathi uNoah usenyuka umnqantsa ukungena kwiintliziyo ezininzi zababukeli, kwaye le nkqubo isathe gqolo ukufumana izimvo ezohlukeneyo namanani angonelisiyo.
Ulindixesha wezoshishino eMelika, iForbes, kule veki idize ukuba, amanani abo babukela le nkqubo kaNoah lehle layokuthi gungxu ezantsi kususela ukuzibeka kukaJon Stewart kule nkqubo. UNoah ubhiyozele isiqendu sekhulu ngobusuku bangoLwesine.
Ngokutsho kwe-arhente ejongene namanani iNielsen, ithi amanani ale nkqubo yeComedy Central agungxuke ngomyinge ka-37 weepesenti.
UNoah wafumana awona manani aphezulu kwisiqendu sakhe sokuqala kule nkqubo yokuqhula. Isiqendu sakhe sokuqala sangomhla we-28 kweyoMsintsi/Septemba sazuza * -0.41, into engaphaya kwesigidi sababukeli. Kwakule veki inye kunyaka ophelileyo, le nkqubo eyawongwa ngeEmmy Award ngexesha ibhexeshwa nguStewart, yafumana * -0.65 ne-1.5 million yababukeli. Kususela oko uNoah eqalile, amanani okubukelwa kweDaily Show abonakalisa ukwehla.
Lo lindixesha udiza ukuba, phantsi kweli qhula laseMzantsi Afrika, iThe Daily Show ifumene * – 0.32 kwabo bantu bakwiminyaka ephakathi kwe-18 ne 49, nto leyo ibalelwa kubabukeli abakwi-820,000. Xa kuthelekiswa namanani kaStewart phakathi kwesizini ka 2011-2012, yayingababukeli abakwi 1.7 million ngosuku ngalunye. Noxa kunjalo, kuthiwa iminyaka yababukeli bale nkqubo yehle ngeminyaka emithandathu kususela oko uNoah wathabatha iintambo kuStewart.
UMongameli weComedy Central uMichele Ganeless, udize ukuba kunyaka ophelileyo le nkqubo kamabonakude yeentetha zokuqhula yaseMelika, phantsi kukaTrevor Noah, ibeyinkqubo esendaweni yokuqala phakathi kwezinye. UNoah ukwazile ukutsala ababukeli beentlanga ezohlukeneyo kususela oko ethabathe iintambo kuStewart.
I-Comedy Central Africa, imtyibele imncoma uNoah, ixelele iSaturday Star kule veki ukuba, eli jelo lonwabile ngokuzuzwe yiDaily Show kususela ukungena kukaNoah kule nkqubo.
UMofokeng ufumene imoto ngenxa yokugqwesa kwakhe ebholeni