UNoluvo Duna kwinkqubo entsha kamabonakude

INKQUBO yeHoney TV ebizwa Pastor’s Wives ibuye isihlandlo sesibini ukususela namhlanje umhla we13 kweyoMqungu. Isizini yokuqala yale nkqubo ekuqaleni konyaka ka2021 yashiya ababukeli befuna impinda.

Le nkqubo ibonisa ubomi bamakhosikazi abefundisi xa bengaphaya kwepulpiti.

Ubuso obutsha kule sizini bobukaNoluvo Duna owazakhel’ udumo esengumntwana ngokucula umculo wegospile.

UDuna, osel’ enguMam’ uPaliso ngoku, ngoyena olula ngokweminyaka kula makhosikazi aza kuvela kule nkqubo.

Uza kusikrobisa elinye icala lakhe xa engekho kumehlo oluntu njengoMam’ uMfundisi.

KwiPastor’s Wives, uDuna-Paliso uza kubonisa ababukeli ukuba uphila njani nosapho lwakhe, ukubayinkosikazi, umama nosomashishini. Kwakhona uza sibonisa unxibelelana njani nabanye abefundisikazi kwaye benzani xa bengekho secaweni.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uDuna-Paliso uthi uMam’ uMfundisi unendlela aziphatha ngayo ngaphandle nangaphakathi ecaweni.

Uyinkosikazi kaPastor Sivuyile Paliso weAssemblies of God. Bazimanya ngeqhina lomtshato ngo2010.

“Ukubayinkosikazi yoMfundisi kuye kulindeleke ukuba ube nendlela oziphatha ngayo, ngaphakathi nangaphandle kwamasango enkonzo. Kodwa kubalulekile ukuba ube nguwe ukuze nawe ungaziva ubulaleka kukuzenza umntu ongenguye. Xa usazana ke nenkolo asiyonto inzima kakhulu leyo,” kutsho lo mama wabantwana abathathu, amakhwenkwana amabini nentombazana.

Uthi okunzinyana kukuba uhlala usemehlweni abantu.

“Okubi kukuba usemehlweni wabantu kwinto yonke oyenzayo, imbi okanye intle.”

UDuna-Paliso waduma ngengoma yegospile ethi Themb’ uJesu esemncinane ekuthambekeni kweminyaka yoo90.

Ebalisa ngomyeni wakhe, uthi uMfundis’ uPaliso yindoda enobubele nenothando.

“Yindoda emthandayo nemoyikayo uYehova, umntu oma nam ngamaxesha onke kwizinto endifuna ukuzenza. Uthanda abantwana bakhe, usapho lwakhe nevangeli kaKristu,” kutsho uDuna-Paliso.

Uthi wayezazi uzifaka entweni xa wayevuma ukutshata uPaliso.

“Ndandizazi nditshata noMfundisi, kuba ngoku sasitshata wayesele egcotyiwe njengoMfundisi,” kubalisa uDuna-Paliso, ekhumbula ingoma yayiculwa kuduli lomtshato wabo eyayisithi ‘hay’ uyavuya ke wena, ngob’uzotshata noMfundisi’.

Ukwadize ukuba kule nkqubo kuza kuvela nezicwangciso anazo kwicala lomculo kulo nyaka.

Le nkqubo iza kudlala kwiDStv 173 ngo17:30 ngale njikalanga.