USiphiwo Nzawumbi, ityendyana elineminyaka engamashumi mabini anesixhenxe (27), neliyinzalelwane yaseMpuma Koloni, eMtata.
Owayesakuba ngomnye wabafundi beziko lezemfundo ephakamileyo iWalter Sisulu, esenza izifundo kwicandelo lezosasazo nobuntatheli.
UNzawumbi ngumsasazi wenkqubo ethi Yilungelo Lakho kwiSABC 1, edlala rhoqo ngoLwesihlanu, esaziwa nakwiinkqubo azisasazileyo ezinje ngeQuestion Time, nanjengomfundi weendaba zikanomathotholo kwiRadio 2000. Wayethe waphumelela imbasa njengomnye owaqala usasazo eselula “Young Communicator Achievement.’’
Eli tyendyana lityelele abafundi bezosasazo beYunivesithi iWalter Sisulu, ebakhuthaza, ebaxhobisa nangeenzima abazakuthi badibane nazo ebomini, kodwa ebaqinisekisa ukuba bangapheli mandla sekunjalo, bomelele.
“Eli lizwe siphila kulo alifuni matyefelele, koko lifuna umntu ozimiseleyo oyaziyo into ayifunayo, sekunjalo imfundo ibengundoqo, kubalulekile ukuziqoqosha, ucakace ubomi bakho, uyazi into oyifunayo,” utshilo uNzawumbi.
USanelisiwe Dyasi onamashumi amabini anesine (24), ongummeli wabafundi kwicandelo lezosasazo, uthe ukuva kwakhe ngokuza kukaNzawumbi, ebengenamdla kuba engamazi ncakasana, engayibukeli nenkqubo yakhe, kodwa enalo ulwazi oluncinci ngaye, kodwa emva kwentetho yakhe uzive ekhuthazekile, enomdla wokuqhubekeka nezifundo zakhe zobuntatheli kulo nyaka uzayo.
UNzawumbi ubaxelele abafundi nangokusokola kwakhe ukufumana umsebenzi, engalali eshicilela ethumelela abantu abasele bephambili, ehamba enkqonkqoza kumagumbi abaphathi beSABC ecela itorho, engatyhafi, kodwa sekunjalo engafumani, ehamba zi-Odishini, ekugqibeleni wafumana eSABC.
Umququzeleli nokwangumhlohli kwicandelo lezosasazo kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu, uTina Gebe, uthi ubonile ukuba abafundi bafuna inkuthazo kumntu obekhe wakweli nqanaba bakulo, oziqondayo iinzima abakuzo.
“Ndityumbe uNzawumbi kuba ndimazi, ndiyazi intlupheko aphumele phantsi kwayo ukuze abe ukule ndawo akuyo,” utshilo uGebe.
UGebe ukwaqinisekisile ukuba le nkuthazo izakuqhubekeka nakwiminyaka ezayo, basebenzise ngakumbi amagqala aphuma kweli ziko laseWalter Sisulu, abasele bephumelele. Abantu abanje ngoLulu Haarmans ongumsasazi kuMhlobo Wenene fm, uBlaq Maci, uCriselda Lewis, Lisakhanya Pepe, uVelile Mbuli nabanye abaninzi. Ekwathemba ukuba abafundi bakhuthazekile yintetho kaNzawumbi.
IZIMVO | Ngumbutho waseKZN iMK Party