UPapa G noParsons babuyele kwiSidingo!

UMDLALO weSABC osele ufunqule iimbasa- Isidingo, uza nezinto ezitsala amehlo, ezoyikisayo kwakunye nezo zingalindelekanga.

Kususela ukuqala kwalo mdlalo phantse kwiminyaka engamashumi amabini eyadlulayo, Isidingo besihlala sigcine ababukeli benomdla ngeentlobo-ntlobo zabantu abangena bephuma kwidolophana yaseHorizon Deep.

Ukususela kubantu abafana nomakhonya wasemgodini uDerek Nyathi, nowayedlalwa nguHlomla Dandala, igqwirhakazi elikhohlakeleyo uCherel de Villiers, owayedlalwa nguMichelle Botes… ngokunjalo nosapho oluthobekileyo lakwaMatabane.

Singamlibala njani yena uLeonie Haines (intombi kaBarker), eyayidlalwa ligqiyazana elihle kunene uAshley Callie owasutywa kukufa ngo2008.

Kodwa sibone ababhali nabadidiyeli balo mdlalo besithi cebu kwibali lasemigodini kule minyaka idlulileyo, kodwa kungoku nje iSidingo sibuyela kwiingcambu zaso.

Abalandeli bangalindela ukubuya kwegintsa elikhohlakeleyo uPapa G Zamdela (Darlington Michaels) noParsons Matabane odlalwa nguTshepo Maseko.

Kwakhona, kwiimbuso ezintsha, nanjengoko I’ solezwe lesiXhosa laliselinihlebele ngokugaleleka kukaAnga Makubalo, nowayefudula engu-MJ kwiGenerations. Yena uzakudlala indima kaObakeng ‘’Mlahlwa’’ Bhengu.

Kwakhona no-Robert Mpisi, esimqhelileyo kwiMfolozi Street, Soul City njalo njalo, uzakungena njengenkokeli yeshift ethile yasemigodini uJoseph Matlala.

Ungaphoswa ngulo mdlalo kamabonakude phakathi evekini kwiSABC 3.