UPASTOR Gabriel wenza isankxwe ngethuba edlala indima kaNyawontle oneendlela ezigoso-goso kumdlalo weSABC 3, Isidingo. Kaloku ebemkile kulo mdlalo okwethutyana, kodwa kubonakala ngathi uzakuphinda ugilane naye eDeep kungekudala.
U-Aubrey Poo, nobedlala indawo kaGabriel, ubuyela kumabonakude wakho ngomhla we-2 kuCanzibe/ Meyi, kwaye ngoku kucaca ukuba ubuya eguqukile.
Ongomnye wababhali kumdlalo Isidingo, uAthos Kyriakides:
Uguqukile kungoku nje ubuya njengendoda ekwisimo esitsha, okanye yinto ayitshoyo ebantwini, kwaye abantu bazama ukubona ukuba yinyani na le nguquko okanye usengula mkhohlisi ebenguye ngaphambili kwisinina.”
Kubonakala ngathi ukuba ngunyawontle yindeb’endala, ngoku akasatshayi ngaloo nqawa.
UPoo noyinzalelwane yasePitoli, uneminyaka esibhozo yokuqeqeshelwa lo msebenzi wokulinganisa. Wenze amabanga aphakamileyo ePro Arte, waze wenza isidanga seNational Diploma in Drama ePretoria Technikon.
Ethetha nephephandaba lethu, uPoo uthe:
“ Ndaqala ukuzilungiselela ukuba ngumdlali wemiboniso ndineminyaka elishumi elinesibini (12) kuphela. Ndaya kwisikolo sobugcisa.
Ndineminyaka elishumi elinesihlanu (15) ndandisele ndizazi ukuba ndifuna ukuba ngumdlali wemiboniso.”
UNasreddine Nabi uthumele umyalezo kubalandeli beKaizer Chiefs