Uphehlelela icwecwe lakhe eMonti ngomso uSizzle

USizzle ozakube ephehlelela icwecwe lakhe ngomso eBlackSpades Lounge eQuigney eMonti. Umfanekiso: Uthunyelwe

Imvumi yeHip-hop yaseMdantsane eMonti uSiyanda Mdipha nowaziwa ngelika Sizzle eqongeni uzakube ephehlelela icwecwe lakhe elitsha kraca elithi “Brand New Old Me” eBlackSpades Lounge eQugney ngenjikalanga yangomso, uLwesihlanu. 


USizzle (26) akayomvumi qha ukwanguye nomvelisi ekwanguye nomsunguli wenkampani yakhe iCloud9recordings. Uthi ukuya kumanye amaphondo akhulayo kwicandelo leHip-hop akakakucingi kuba usafuna ukuqala ashiye umzila kwiphondo lakhe.

 

“Andifunukuphosisa ndithi andizukuya eRhawutini, kodwa okwangoku alikafiki eloxesha kum. Ndifuna ukuqale ndikhulise igama lam kwakunye nenkampani yam. Baninzi abantu ababethekaleyo ngokuqala ngeRhawuti baphele bengamaxhoba ezinto ezininzi engakhange aqale ngokuzama emva,” utshilo uSizzle

 

USizzle uyancoma ngelithi sesuko kwabelana ngeqonga noosaziwayo abafana nezinye iimvumi zeHip-hop ezaziwa jikelele eezifana noMtee, uFifi Cooper, Nasty, uProfessor kwakunye nabanye, ngethuba ziseMonti.


Kwinyanga ephelileyo ubenenyweba yokuthatha inxaxheba kwiMotsepe Foundation eBeach Front eMonti naseQone yanguye yedwa omele abecala leHip-hop kwimvumi ezintlanu zephondo ebezichongiswe ukuba zicule. Ukwalindelke ukuba acule nakwi Summer Carnival 2016 kwiveki ezayo.


Ukuba ungumthandi nomlandeli womculo kaSizzle, okanye umvculo jikelele ungaphoswa kukuba yinxalenye yokusungulwa kwecwcwe lakhe eBlackSpades Lounge ngentsimbi yesibhozo ebusuku ngomso.