Uphi uTbo Touch weMetro FM?

Akukabikho zwi liphumileyo kwiSABC ngokubuya komsasazi onqunyanyisiweyo weMetro FM.

Ngokutsho kweengxelo zamajelo eendaba ngempelaveki, uThabo Molefe owaziwa njengo-DJ Tbo Touch, unqunyanyiswe yiMetro FM emva kokuba iSABC iphulukene nengeniso ekwisixa sezigidi ezilishumi elinesihlanu zeerandi (R15 m) emva kokwala ukufunda intengiso yesithuthi esithile.

UTbo Touch bekufanele ukuba sele ebuyele kwinkqubo yakhe ngoLwesibini, kodwa nkqi ukubuya. UPhat Joe nguye obhexesha inkqubo yalo msasazi yasemva kwemini iThe Touchdown phakathi kwentsimbi yesithathu neyesithandathu.

Iingxelo ngaphambili bezibanga ngelithi, lo msasazi uhleli esezingxakini, ubandanyeke kuxambuliswano nomanejala wesi sikhululo uSibongile Mtyali.

UTbo Touch utyholwa ngokungayinaki imiyalelo yabo bamphetheyo, nokungawuseli so umthetho wokudlalwa kweengoma emoyeni, etyholwa ngokudlala ezithandwa nguye.

Ongumlomo kwiqumrhu losasazo leSABC, uKaizer Kganyago, akafunanga kukhupha zwi ngale nyewe, esithi iphakathi kwabaphetheyo noTbo Touch.

“Akukho zwi sinokulithetha de kube kanti bafikelele kwisivumelwano,” utshilo uKganyago.

UTbo akaxhomekekanga kusasazo lwakhe kuphela ngokwenza imali, ukwangusomashishini oneemveliso zakhe eziquka iziqholo zolusu, isiselo somdiliya kunye neekhondom.

Abaphulaphuli beTouchdown bavakalise ukungaxoli ngokungabikho kukaTbo Touch kule nkqubo, begxeka ukufakwa kukaPhat Joe endaweni yakhe.