UPistorius bengumdlali waseqongeni ngoLwesihlanu!

AMAKHULU amawaka ababukeli abebebukele udliwano-ndlebe lokuqala lukaOscar Pistorius kubusuku bangoLwesihlanu, kususela ukudubula kwakhe abulale uReeva Steenkamp ngo2013, bathi le mbaleki ibiseqongeni.

UPistorius obenyembazana, befakan’ umlomo nentatheli yaseBritane uMark Williams-Thomas we-ITV, phakathi kwezinye izinto bezithetha besithi: “Ndabuthabatha ubomi bukaReeva kwaye kufanele ndiphile noko. Ndisaliva ivumba legazi.

Ndisayiva imfudumalo yalo ezandleni zam. Kwaye nokwazi ukuba kungenxa yakho, eso sisenzo sakho…” Kodwa olu dliwano-ndlebe luka-Oscar, nolwaluvezwe e-UK, lwaze lwadlalwa yiM-Net ngokuhlwa kwangoLwesihlanu, lunyevulelwe sisininzi besincam’ ubuthongo ukuze sibone olo dliwano-ndlebe kudala lilindelwe.

Phakathi kwabo bangaqinisekanga ngobunyani bukaOscar, yingcali kubume bengqondo (Clinical Psychologist) uLeonard Carr, nobengomnye othathe inxaxheba kwingxoxo ebitshis’ ibunzi ebilandela olo dliwano-ndlebe, nayo esasazwe ngobusuku bangoLwesihlanu.

Eli gqiza beliquka igqwetha uMannie Witz nalowo wayesakuba yijaji uChris Greenland, nothe olu sasazo lolu dliwano-ndlebe aluzi kubanafuthe kuwiso lwesigwebo nguJaji Thokozile Masipa ngowe-6 kweyeKhala.

“Olu sasazo aluzi kwenza nto kubulungisa obuzayo…alizo kuthathelwa ngqalelo,” utshilo.

UCarr akakhange abuye ngamva. Usebenzise amagama afana ‘’ukuziqhelisa’’ noku ‘’yila” ukuchaza “umdlalo weqonga’’ kaOscar kolu dliwano-ndlebe.

“Kum olu dliwano-ndlebe lufana nobungqina obuyiliweyo, noko abantu angathanda bakukholelwe.”

Olu dliwano-ndlebe lwenziwa kwikhaya likayise-mncinci wale mbaleki elisePitoli, nalapho akuvalelo khona ngelixa esalinde kuwiswe isigwebo.

UPistorius unike iinkcukacha ngoko kwakhokelela kudubulo lwangentseni yangomhla we-14 kweyoMdumba ngonyaka ka2013, esithi loo mini isamhleli.

UCarr obekruqukile, uthi lo kaPistorius ingathi “ubebalisa umboniso bhanya-bhanya”.

Wongeze ngelithi: “Khumbula ukuba emva kweminyaka emithathu uxelele abantu abaninzi abafana namagqwetha, oogqirha bengqondo kunye neengcali zobume bengqondo eli bali, ngoko kukhona ukuziqeqesha nokuziqhelisa.”

Lo gqirha wengqondo uphinde wongeza ngelithi, “usesimangeni” uPistorius ekhumbule iinkcukachana zobu busuku bokubulala uSteenkamp, kuquka incoko babenayo noReeva, kwakunye nothando ababelana ngalo.

Kolu dliwano-ndlebe, uPistorius ukwathi:

“Ukungena kwam kweli gumbi ndabeka umpu wam kwicala lasekhohlo phantsi kwebhedi.

Waze wathi (uReeva), ‘Masihambe siyokuhlamba amazinyo ethu’, kwaye zange ndiphakame msinyane. Wafowuna ekwigumbi langasese esithi ‘Yiza bhabha, kufuneka uzokuhlamba amazinyo wakho’.

Ndaye ndaya kwigumbi elo langasese ngemilenze yam yemboleko, waze wandinika olo ncunyana engathi uthi ndim ophetheyo apha.”

UCarr uthi kumava wakhe, abantu abagqithe kwinto eyothusayo bangaphulukana neenkumbulo.

“Wonke umntu okhe wayingxwelerha uyazi ukuba akuzikhumbuli cacileyo izinto. U-Oscar usixelela icala elisulungekileyo lebali.

Ndicinga kuba elininzi kulo uliyilile.”

Elinye icala elingathathwanga kakuhle nguCarr kolu dliwano-ndlebe, lelokuba uPistorius ethe ukholelwa kwelokuba uSteenkamp angathanda ukuba athabathe inxaxheba kumsebenzi wesisa, endaweni yokubuyiselwa entolongweni ngokumbulala. “Andifuni kubuyela ejele.

Andifuni kuchitha ixesha lobomi bam ndihleli phaya. Ukuba bendinokunikwa ithuba loxolelo, ndinganceda abo basweleyo,” utshilo.

“Ndikholelwa ukuba uReeva benokujonga phantsi ngoku, benokuthanda ndiphile obo bomi.”

UCarr uqukumbele ngelithi akukho kuzisola nakancinane kuPistorius ngesenzo sakhe, kwaye ukholelwa kwelokuba olu dliwano-ndlebe bingumsebenzi nje wobudlelwane boluntu.

“Ukuba unokubona uBarry Steenkamp, ubonakala njengendoda eyonakeleyo…ngelixa yena uOscar ebonisa icala lakhe elibuthathaka, neliqwetywayo.

Yilo nto ndihlala ndibona uOscar njengomdlali weqonga.’’