Usazikhoth’ amanxeba usaziwayo wemiboniso

UTHAPELO Mokoena uchacha kuhle emva kwengozi yokugilwa sisithuthi esingaziwayo.

Lo mdlali kamabonakude ubhale ezi ndaba zothusayo kwikhasi lakhe likaFacebook emva kokuba egaxeleke kule ngozi ngenjikalanga yangoLwesibini, 5 Janyuwari, eVanderbijlpark eVaal, nalapho ebezilolonga khona.

UMokoena, ngoMgqibelo, ukwavakalise ukuba ubesesibhedlele iintsuku ezine, nalapho oogqirha bebembhila-bhila khona.

Kwingxelo yakhe kaFacebook, uMokoena uthe, ngethuba ezilolonga akayazi okuthe kwenzeka.

“Okona ndikwaziyo, ndivuke ecaleni kwendlela ndisopha ndawo yonke (ukusuka entloko, ezingalweni nasemilenzeni).

“Ndikhwaze indoda ethile ukuba indincede. Uye wathi yena ‘Ndibiza i-Ambulance, wonzakele kakhulu!” ndabe mna ndisithi, “Hayi! Ndise- kwam okanye ndakuzihambela. Ndifuna ukubona inkosikazi yam nonyana wam.”

UMokoena uthi, le ndoda iye yathi “ndikusa esibhedlele okanye silinda inqwelo yezigulana!”

Uthi, inkosikazi yakhe ibisele ifikile ngethuba imthabatha imsa emotweni ukusingisa esibhedlele.

Uthi ebesele ethetha izinto ezingadibenanga ngeli thuba.

Kanti kwenzekeni?

“Ngokutsho kwabafana ababini abasebenza esitalatweni, isithuthi sohlobo lwe-Audi ebomvu besihamba kwi-fast lane saze satshintsha icala lendlela ukuza kwicala endihamba kulo, ukuzokunditshayisa yaphinda yabuyela kwi-fast lane yaqhubekeka nohambo kwakhona. Banditshayise babaleka.”

Uthi, “Ngokutsho kwaba bafana babini basebenza esitalatweni, umqhubi wesithuthi eso kunye nomkhweli waso ibingamadoda amabini amhlophe.”

UMokoena uqhube wathi, wavuka esezintlungwini esibhedlele ngobo busuku.

Lo saziwayo ufumene umonzakalo entloko, emqolo, ezingalweni, emva kwemilenze, waze wophuka iqatha.

Uthi ngethuba ephaphama, ukhumbule ukuba ebezakupakisha ukuze aye kwimibhiyozo yeminyaka elikhulu elinesine yeANC eRustenburg.

Oku kuza emva kweengxushu-ngxushu zocalu-calulo ezithande ukugubungela eli lizwe. Ingaba le ibiyintiyo engobuhlanga? Asazi.

UMokoena uthi, akazi ukuba ngubani owenze obu bubi kuye kwaye ebenzelani.

Udize ukuba, lo ngumlo wakhe azakuwulwa, kwaye kubonakala ngathi kusekude engqinibeni ngoxolelwano kweli lizwe. Uqukumbele ngelithi, uMzantsi Afrika usaphuphumala yinzondo.