US’hlangu Semfene ubuye neSATMA

US’ hlangu Semfene uthi ukuchongwa nje kwegama lakhe kwiiMbasa zoMculo wesiNtu (SATMAs) ibe yinto enkulu, ukufumana imbasa libhaso.

Ebencokolela I’solezwe lesiXhosa engawuvali umlomo emva kokufumana imbasa yokuba yimvumi yolwimi lwesiXhosa egqwesileyo (Best IsiXhosa Artist) kumsitho weeSATMA obubanjelwe eMpumalanga.

Kulo nyaka iiSATMA bezibambe umsitho weshumi elinesithandathu ziqhuba.

Lo msitho buzinyaswe ngoosaziwayo kuquka noosopolitiki bela phondo.

Icwecwe likaS’hlangu Semfene elibizwa ‘Umhlangano’ lilo elimenze waphumelela le mbasa.

“Ndiyayibona nale yokufumana imbasa kodwa ukutyunjwa kwam kokona kukhulu kum,” kutsho uS’hlangu Semfene.

Le mvumi ibingekho kulo msitho ukuza kufunqula imbasa yayo yokuqala.

USihlangu Semfene, 28, nguSonwabile Zulu wakwilali yaKwaZulu, eMbizana. Waqala ukucula kwimicimbi yekhaya kwaye esaziwa nangokuba liqhula ekuhlaleni. Uthi wayethanda ukubolekwa isiginci ngubhuti wakhe nalapho wazifundisa ukusibetha de wabe uzithengela esakhe.

US’hlangu Semfene wabonwa liBhova Elimnyama ngo2014, waze waqala ukusebenza nalo.

Le mvumi yeMaskandi ikhuphe icwecwe lokuqala elithi Amalungisa ngo2016 nelalinengoma awaduma ngayo ethi ‘Indod’ emfutshane ‘.

Icwecwe aphumelele ngalo elithi Umhlangano ulikhuphe kunyaka ophelileyo. Lineengoma ezifana noAkavumanga, Amakhwenkwe noSiyokhalaza. Kweli cwecwe usebenze noTat’ uMaqhude, Skhindi sabeSotho, Phathaphatha noSicelo Hlongwane.

“IMaskhandi iphila kum ngaphakathi. Ngumculo wethu osikhumbuza ubuthina. Asisoze sibe ngabantu sizilibele imvelaphi yethu, ngoko iMaskhandi isibuyisela kwiingcambu zethu,” kutsho le mvumi esele izinze eRhawutini.

US’hlangu Semfene ukhule ethanda iimvumi ezifana noNkunzemdaka, uNjemboqo, uSalabemsuma noShilisi.

AyingoS’ hlangu Semfene kuphela obuye nembasa yeMpuma Koloni kwiiSATMA. USilulami Dumezweni weNkqubela FM eGqeberha naye ubuye encumile, ephethe iwonga lokuba ngumsasazi otshatsheleyo kwinkqubo yesintu koonomathotholo abancinane.

Engaziva yimincili eqongeni leSATMA, lo msasazi uxelele oogxa bakhe ababethileyo ukuba uyabuya kwakho ezokuthatha enye imbasa kunyaka ozayo.

Ezi mbasa bezibanjelwe kwihotele iThe Winkler, eWhite River, eMpumalanga.