Usinde ngokulambisa obekwiGenerations!

Obesakuba ngumdlali weGeneration: The Legacy, * -JT Medupe, nosemfanekisweni, usinde ngokulambisa kwingozi yesithuthi ehlasimlis’umzimba ngenj’ ixukuxa ngoMgqibelo.

Eli gatyana belidlala uJonathan kulo mdlalo weSABC 1, libhukuqe nesithuthi salo ekungeneni kwesiza samangcwaba saseWestpark eRhawutini.

Ngokwengxelo yephephandaba iSowetan, isithuthi sakhe sohlobo lweMini Cooper sibhukuqe salala ngomhlana.

Ingxelo iqhuba ithi, ii-air bags zibebubutyobo kwaye elinye lamavili belipoqile esithuthini. Kule mifanekiso yengozi ebonwe yiSowetan, uMedupe ebengabonakali kuyo, kuba ngelo xesha ebefumana uncedo lwezonyango.

Naye ungqinile ukuba ngokwenene ugaxeleke engozini. Obezidlulela ngendlela, naye ochazwe njengokwiqonga lemiboniso, uthe: “Ubhukuqe nesithuthi kufutshane nesango lamangcwaba. Ngethuba ndidlula phaya emva kwengozi, ndibone abonyango olungxamisekileyo bemtatamisa ukumsa kwinqwelo yezigulana, malunga nentsimbi yesithathu ekuseni.

Bekungekho sithuthi singesinye ngaphandle kweMini Cooper yakhe ibityobokile.

UMedupe kukholeleka ukuba uhlala kwakule ngingqi.

Ongumvelisi ophezulu womdlalo iGenerations: The Legacy, uMfundi Vundla, uphefumle wenjenje ngale ngozi: “Ndiziva buhlungu ukuva ngale ngozi, nanjengoko uJT engomnye wabadlali bakhe abaxabisekileyo.” Ongumlomo kumapolisa eMetro yaseRhawutini uEdna Mamonyane, uyingqinile le ngozi esongeza ngelithi: “Yenzeke phambi kweWestpark Cemetery. Singakungqina okokuba sinye isithuthi esichaphazeleke kule ngozi.

“Sifumene umnxeba ngo-3:11 ekuzeni kusa. Akukho bani obanjelwe ukuba phantsi kweempembelelo. Iingxelo zethu zibonisa ukonakala kwesithuthi ngaphandle komonzakalo.”

simphiwe.freddie@inl.co.za