Usisi kaNathi ukhuphe icwecwe

USISI kaNathi Mankayi uthi wangena kuqala kwezomculo, nangona nje umntakwabo ethe engena wabe sele ewungula iintliziyo zabaninzi.

U-Amanda Mankayi (29) ukhuphe icwecwe lakhe elithi Zola Ntliziyo.

Kwezinye izikhululo zikanomathotholo kudlalwa ingoma ethi Intonga Yam nefumekayo kweli cwecwe.

U-Amanda uthe nangona nje uNathi edume kunene, kodwa nguye owangena kuqala kwezomculo, nanjengoko uNathi wayezithandela ukuzoba.

“Ebendinceda kakhulu endlini endifundisa ngomculo, kodwa ethanda ukuzoba (uNathi). Kuninzi endikufunde kuye nangoku usandifundisa.”

U-Amanda uthe uqale ukungena emculweni njengawo wonke umntu, ecula enkonzweni.

“Nasesikolweni ndandicula, kodwa ndingakuthandi ngoba kwakunyanzeleke ukuba sicule umculo weekwayara.”

U-Amanda uthe into eyenza iimvumi ezisuka eMpuma Koloni ziphumelele kukuba, abafiki eGoli bazifanise nabanye abantu.

Uthi ukhule emamela iimvumi ezifana noBusi Mhlongo, Tu Nokwe, Dorothy Masuku, Jabu Khanyile ngoba kowabo kwakumanyelwa bona.

Icwecwe lakhe liyafumaneka kwi-Itunes. Lingaqala ukufumaneka ezivenkileni kule veki.