USnoop Dogg kunye noChris Paul bazakuxhwithana ngetayitile

KUZAKUQHUMA kungabaswanga kwiqonga le-Lip Sync Battle xa uSnoop Dogg kaDrop It Like It’s Hot ebonisa uChris Paul ukuba ngubani imboza.

UChris Paul ophumelele iimbasa eMelika njengomdlali weBasketball, kufanele azibonakalise ukuba italente yakhe ayiphelelanga emabaleni omdlalo weBasketball kuphela, ngethuba ezakube etsholoza ngengoma yeNew Edition ethi Candy Girl, ngelixa yena uSnoop Dogg ezakube esitsho uCould You Be Love kaBob Marley.

Ingaba eli qhawe le-NBA lizakusibonisa ukuba liphethe ntoni ngaphakathi nangaphandle kwebala? Okanye amava okwenza umculo kuSnoop Dogg azakumsebenzela?

Ngubani oza- kubuya enkonye itayitile yeLip Sync Battle USA? Zibonele konke ngoMvulo we-16 kuCanzibe ngo-21: 35 kwiMTV (DStv channel 130).