USonia ufinyeza imikhono yakhe kwi-The Alliance

Owayesakuba ngumdlali weGenerations uSonia Sedibe, uzakube ebonakalisa ubumbokodo bokwenene kumabonakude kungekudala. USonia uzakube edlala kumdlalo omtsha

we-e.tv othi,

The Alliance. Uzakudlala indawo kaLydia, umphandi ofuna ukudiliza uBra Jay, noyinqokro-nqokro yesaphuli-mthetho.

ULydia ke ngoko, uyinxalenye yegqiza elibizwa ngokuba yiDirectorate of Priority Crime Investigation (DPCI), neligxile ekulweni ubuqhophololo, ulwaphulo-mthetho olucwangcisiweyo kwakunye nolwaphulo-mthetho loqoqosho olufana nobuqhetseba.

Iinjongo zikaLydia zimbini: Ufuna ukuwisa uBra Jay nomkhambathi wakhe i-Alliance, kwaye kunjalo nje ukwafuna umsebenzi womqashwa wakhe.Ufuna ukuvala iqela le-Alliance ukuze ngokwenza njalo afumane umsebenzi womphathi wakhe.

Uchazwe njengozithembileyo nowomeleleyo okwaziyo ukumelana namaxesha obunzima ngaphandle kokukhalaza. Ingaba uzakuphumelela? Sizakuzibonela kwiziqendu ezisibhozo zalo mdlalo. Encokola nephephandaba lethu, uSedibe uthe:

“ULydia akanazimvakalelo konke konke. Wakhuliswa ngabazali bakhe bobabini, nalapho uyise wayethobekile ngexa unina engumama wekhaya. Kuye, amadoda awamoyikisi, akawoyiki, kwaye usebenza nabecuphi abangamadoda, kwaye womelele. Uphahlwe ngamadoda emsebenzini, kwaye kufuneka akhuphisane nawo,” utshilo.

Ukwathetha ngendlela ajongeka ngayo kwi-The Alliance: “Bakube bethetha nam ngohlobo endijongeka ngalo kwindima le ndiyidlalayo, ndatsho ngokuphandle ukuba ndifuna ukubukeka ngohlobo olahlukileyo. Bandithumelela imifanekiso kaKerry Washington, kodwa ndayala. Ndathi kubo kungangcono ndizichebe iinwele zam, kodwa sakhetha iinwele ezolukiweyo (braids). ULydia akanalo ixesha lezinto ezintle. Akazenzi iinzipho,” utshilo.

Lo mdlalo uyaqala kwi-e.tv ngoLwesithathu (27 kuTshazimpuzi) ngo21h30.