UMBHEXESHI wenkqubo edumileyo, nethandwayo kumabonakude i-Our Perfect Wedding, uThembisa Mdoda, uzakuhlaba ikhefu kule nkqubo ukususela ngomhla we-29 kuCanzibe/May, aze abuye ngeCawe yomhla we-10 kweyeKhala/July 2016.
UMdoda uzimase imisitho yomtshato elishumi elinesithoba kwiSizini yesithandathu ye-OPW. Lo msasazi oko ezibambile iintambo zale nkqubo kususela ukungena ezihlangwini zikaTumi Morake, kwaye ngoku usahlaba ikhefu lethutyana ukuze abesemandleni.
UMdoda kwingxelo ekhutshiweyo: “Ndiziva ndinewonga ekubeni abemi beli besandamkela koomabonakude babo xa sibhiyozela uthando nemanyano entle yezithandani. Ndigqibe ekuthabatheni ikhefu ukuze ndiqokelele amandla, ndizilungiselele imitshato ezayo.” Ngethuba uMdoda engekho, ababukeli bazokushiyeka kwizandla ezintofo-ntofo zabasasazi abandwendweleyo uAnele Mdoda (ongudade boThembisa) ekunye noJessica Nkosi. Esi sibini sizakubamba iintambo de abuye uThembisa.
U-Anele, nosandul’ ukuqukumbela isizini yesithathu yeClash of the Choirs SA njengejaji, akakwazi kulinda ukubona izithandani zizimanya. Kaloku uAnele ngumsasazi osele esazana nonomathotholo kunye nomabonakude. “Sisebancinci, oko sasigadene kwaye oku akunamahluko. Ndikulinde ngabomvu ukuba kule nkqubo ngokuba ndingumlandeli omkhulu,” lawo ngamazwi kaAnele.
UJessica Nkosi uzakungena kuqala ukusasaza le nkqubo, ngomhla we-5 ukuya kowe-12 kweyeSilimela/June 2016, alandelwe nguAnele Mdoda ngomhla we-19 kweyeSilimela/June kude kube ngowe-13 kweyeKhala/July 2016. UNkosi waziwa ngendima yakhe kaQondi ayidlala kumdlalo weMzansi Magic, Isibaya.
“UThembisa Mdoda uyibambe ngokuyimpumelelo le nkqubo kwaye uyalidinga ixesha lakhe nosapho. Ngoku sifaka oosaziwayo abanetalente nabathandwa ngababukeli ukuze basonwabise kule nkqubo. Silinde ngabomvu koko baza kusiphathela kona,” lowo nguNondumiso Mabece oyiNtloko yoPapasho kwiLocal Interest Channels.
Ungaphoswa yi-Our Perfect Wedding rhoqo ngeeCawe kwiMzansi Magic (DStv Channel 161) ngo-19:00.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM