UVovee usungula icwecwe elitsha ngeCawe!

ABATHANDI bomculo wegospile kummandla waseMonti neziphaluka, bazakube besingise e-ULoyiso Community Church ngeCawa, nalapho uSivuyile Vovee Batala azakube esungula icwecwe lakhe elitsha kraca.

UVovee, 35, usungula icwecwe lesihlanu elibizwa 2nd Cronicles 20. Encokola nephephandaba I’solezwe lesiXhosa, uVovee uthi, umculo yindlela yokumanyanisa uluntu. “Nakweyiphi na imeko abantu abakuyo, ukubakho komculo kuyabamanyanisa,” utshilo. UVovee ngunyana kaMfundis’uBatala owayedumile, kwaye usapho lwakhe lusapho olwaziwayo emculweni . Emva kokuqala ukucula eSunday School esemncinane, uVovee wazimisela kwicala lomculo.

“Umdla wokucula uqale ndisemncinane, umntakwethu uJabu (Batala) wandifundisa ukubetha iKeyboard ngelixa yena uThembelani noVusumzi (Batala) bandifundisa ukubetha isiginci,” utshilo uVovee. Eseneminyaka elishumi elinesithandathu kuphela, uVovee wabhalela uNoluvo Duna owayene-11 yena ngoko iingoma.

Kwishumi elinesithoba leminyaka ubudala, uVovee ebesele esaziwa njengeprodyusa nemvumi encinane. Uvelise umculo weemvumi ezifana no-Malibongwe Gcwabe, Sizwe Zako, Lundi Tyamara, Noluvo Duna-Paliso nabanye. NgeCawa, ayizokuba yimini yokutyhila icwecwe elitsha likaVovee kuphela, kodwa uthi le yimini yokubhiyozela iimvumi esele zisebenzile kwiqonga lomculo.

Ngale mini, lo msitho uzakuzinyaswa nguMxolisi Mbethe, Sizwe Zako kunye noSinethemba Mndayi waseKnysna, nekulindeleke ukuba nabo batshile eqongeni. “Ilizwe lethu liyagula, iintsapho zethu ziyagula, kwiindawo esihlala kuzo ngokunjalo neenkokeli zethu,” utsho uVovee. Uthi xa amadoda egula, nesizwe sonke siyagula. Abantu abafuna ukwazi ukuba kutheni eyibiza i2nd Cronicles 20 mabaqiniseke ukuba base ULoyiso Community Church ngentsimbi yesibini ngeCawa (29 kuCanzibe/May) e-62 Kimberly Road, North End (eSigingqini). Abafuna ukuzithengela icwecwe bangenza njalo nge-R100.

UVovee, nowayekhe wathiwa jize ngewonga lezobugcisa nenkcubeko kwiimbasa zolutsha sisikhululo sikanomathotholo iTru fm, ngo2008, ukwangomnye wabawongwa ngesiqinisekiso sokwenza okuhle kubugcisa nenkcubeko nguMphathiwa uPemmy Majodina.

Eli cwecwe lilandela amacwecwe kaVovee afana no-The Vessel, 2020 Church kunye noTransition. Kwaye uChronicles 20 uquka iingoma zendumiso ezifana no-Kulunge wena Thixo, uThixo uyandazi, It was not a mistake nabanye.