UMDLALI kamabonakude uWiseman Mncube, odlala kuKhakhayi ku-e.tv, uthi sele efunde okuninzi endaweni adlala kuyo kulo mdlalo.
UWiseman (26), owazalelwa eMahlabathini eLundi kodwa wakhulela eThekwini, uthi kuninzi okufanayo phakathi kwakhe nendawo kaMfanufikile ayidlala kuKhakhayi, umdlalo oveliswa rhoqo ngoLwesibini ngeyesithoba ebusuku.
“UMfanufikile asingomntu othanda ukuthetha. Unothando futhi ungumntu othanda uxolo. Akathandi ukwenza uchuku nengxabano.
“Umthanda kakhulu umntakwabo into efana ngqo nam, njengokuba ndinabantakwethu abane endibathandayo,” kutsho uWiseman.
Njengabadlali abaninzi abahlonitshwayo kweli, uWiseman uthi uqale waphekwa emidlalweni yeqonga efana noMambazo The Musical, Mashu the Musical, Culture Clash neminye emininzi.
“Abazali bam bayandixhasa kakhulu ngomsebenzi endifuna ukuwenza ngoba ayindim ndedwa ekhaya okhoyo kweli khondo. Umntakwethu omdala uNtando Mncube naye ukhona,” kutsho uMncube.
isibhalo@inl.co.za
Ukwakha iqela kuthatha ixesha elide, utsho uBobby Motaung