UZALO lwamkela uSibahle ngokuhlwanje!

NGUBANI esi siphalaphala siqala kulo mdlalo namhlanje? USibahle yintombi enama-23 eminyaka ubudala, intombi kaDhlomo, nawaphulukana nayo kudala, kwaye kubonakala ngathi ikwaligqiyazana elizakutsala umdla wezothando ku-Ayanda.

USibahle udlalwa nguLondeka Mlaba, obu buso butsha kumabonakude. UMlaba unesidanga sase-UKZN kwizifundo zeDrama and Media. USibahle uyaqala namhlanje uMvulo (23 kuCanzibe), ngelizokukhangela uDhlomo kuba ufuna ukuqala ubomi obutsha naye.

Kaloku uSibahle lo ubenexesha elinzima, ezama ukukhangela umsebenzi kodwa esokola ukuwufumana. Izinto bezingamhambeli kakuhle de wabhenela ekuthengiseni ngomzimba eHillbrow ukuze afumane imali.

INDIMA YAKHE: Akaphangeli, kwaye kudala ezama ukukhangela indlela yokuphila; Unesakhono kwezosasazo kwakunye nopapasho; Ukholelwa kwelokuba amashwa okungafumani msebenzi abangelwa kukungenzelwa isiko lembeleko;

Ukhe wasebenza njengomdanisi kwiindawo zentselo ukuze afumane imali, uphele esebenza njengomthengisi womzimba eHillbrow. Kubonakala ngathi unina ebengazi nto ngako konke oku. Ufumana uDhlomo ngokumkhangela kumakhasi onxibelelwano emva kokumbona ewongwa ngomsebenzi wakhe ezindabeni.

Umama wakhe uNontsetselo zange uDhlomo avume ukumtshata, yaze loo nto yambangela ukuba azikhulisele uSibahle. Konke oku kushiye iimvakalelo ezohlukeneyo kuSibahle ngokuba uyamdinga uyise, kwaye kunjalo nje ukholelwa ukuba akukho nto imfaneleyo.

Ingaba uzakufumana iingalo zokulilela ku-Ayanda? Masibone ngokuhlwanje ku-Zalo ngo-20h30.