UZithembe uzithembile kwi-Idols

OwaseQonce ongenele ukhuphiswano lomculo kumabonakude unethemba lokuphakamisa iflegi yeMpuma Koloni kulo nyaka.

Ukufumana kwakhe itikiti eligolide eliqinisekisa ukugqithela kwinqanaba elilandelayo, kwenze ukuba uZithembe Kosi, 29, afune ukufikelela emanqwanqweni weIdols SA.

UKosi, waseZone 4 kwilokishi yaseZwelitsha, ebencokolela I’solezwe lesiXhosa engawuvali umlomo ekwangqongwe lusapho lwakhe bebhiyozela le mpumelelo.

UKosi ubuya okwesibini kwi-Idols SA nanjengoko wayekhe wajika khona ngo2016 emva kokufumana ooEwe ababini nooHayi ababini kubagwebi.

“Ndandimncinci ngoko, ndicinga ukuba ngoku ndikhulile kwaye ndiyazazi ndifuna ntoni,” kutsho uKosi.

Ingoma kaLira ethi Feel Good yavulela uKosi iingcango kolu khuphiswano lwee-Idols ngethuba ethumela ividiyo ecula le ngoma.

Uthi isizathu sokucula le ngoma kuba wayekhumbula umama wakhe owayekwayimvumi nowasweleka ngo2003 engekalifezekisa iphupha lakhe lokucula.

UKosi uqale ukucula esekwisithuba seminyaka emithandathu kuphela ubudala, oku kungqinwe ngumakhulu wakhe.

“UZithembe ukhulele kwikhaya lomculo, yonke into apha ekhaya siyibhiyozela ngengoma. Nokuba sekunesiganeko esithile sitsho ingoma. Umama kaZithembe ebecula kakhulu, yiyo naye le nto ecula kangaka,” kutsho uXoliswa uKosi.

UKosi ukhwele eqongeni neemvumi ezifana noZipho Vena, Zama Ntshona, nabangasekhoyo uMfundis’ uNkomfa noBulelani Koyo. Ukwabhale iingoma eziliqela nangekazikhuphi.

Eli tyendyana ngoku lijonge kwiTheatre Week kwaye linethemba lokuqhuba kakuhle.

“Ndifuna ukunenza nizingce kwaye niziqhenye ngam kwezi veki zizayo,” kutsho uKosi obengakwazi kuzibamba kukuvuya.

Itayitile yee-Idols eMpuma Koloni isahleli kuLuyolo Yiba okwayinzalelwane yaseQonce nophumelele ngo2019.

Inkqubo yee-Idols yalo nyaka iqale ngeCawa kwiveki ephelileyo kwiDSTV Channel 161.