UZuko SA wenza amahololo emculweni

“Hamba ngala mandl’ endikunike wona, qhawe lam, mntan’ am! Uzungafun’ ukufana nabanye ngoba izinto zakho ziding’ idolo, zonke mntanam! ”

Ukuba ungumthandi womdlalo iThe Wife, oboniswa kwiShowmax uya kuyazi le ngoma. Yingoma enomthandazo nenkuthazo yokuvuselel’ ithemba. KwiThe Wife, le ngoma ihlala isitsho njalo xa kukho okungahambi kakuhle ebomini bomlinganiswa.

Iculwa ngesingqi esimnandi esincamis’ umxhelo seAfroSoul. Iphakathi kweengoma ezimnandi ezikwicwecwe elitsha likaZuko Kupiso elithi No One Is Safe.

UKupiso, owaziwa njengoZuko SA, uzalelwe eNgcingwane eDutywa. Le ikwayilali elikhaya kuMongameli Thabo Mbeki.

Esengumfundi eKhanyisa High eMthatha, kulapho uKupiso wafikelwa khona lubizo lomculo.

“Umculo ndawuqala phaya, ukuma phambi kwabantu ndikufundiswe phaya,” kutsho uKupiso encokolela I’solezwe lesiXhosa.

Oku kwanyanzela uKupiso, 26, ayokufundela umculo eRhawutini ngo2018. Akungazigqibi ezo zifundo zomculo ngenxa yeemeko zemali, waye wakhupha ingoma yakhe yokuqala ethi ‘Best In Me’ athi yadlala koonomathotholo nomabonakude.

Le mvumi ithi xa sele iqokelele imali eyaneleyo iya kubuyela esikolweni kwakhona, iyokugqibezela izifundo zayo zeSound Engineering.

“Kudala ndawuthanda umculo, kodwa kwaye kwafuneka ndigqibe uGrade 12 phambi kokuba ndilandele umculo,” itshilo.

Icwecwe lakhe elithi No One Is Safe lineengoma ezifana noEgumbini, Ityala Lam, Ixesha Lam noQhawe Lam.

Ebalisa ngale ngoma ithandwa ngumntu wonke ethi Qhawe Lam.

“UQhawe Lam yingoma endayibhala ndisemekweni engekho ntle. Kobunye ubusuku ndafika kwam ndibelwe zonke izixhobo zam zomculo, kwabe kwelinye icala kunzima ukuqatshelwa ukuze umculo wam ube kwelinye izinga,” kubalisa uKupiso.

Le mvumi ithi yaye yaphantsi konxinzelelo, ingazi ukuba iza kubabhatala njani abantu ebithathe kubo izixhobo zomculo.

“Ndafowunela umama notata wam, bandikhumbuza ngomthandazo abawenza phambi kokuba ndiye eGoli, kwaneemfundiso zabo zokuphila. Besithi uzungafun’ ukufana nabanye ngoba iinto zakho ziding’ idolo zonke mntanam.”

Kule ngoma ithi Qhawe Lam, uZuko SA ukunye nemvumikazi engasekhoyo uNwabisa Gcilitshana.

UGcilitshana, osweleke kwiveki ephelileyo, ungcwatyelwe kokwabo eMpuma Koloni ngoLwesibini kule veki.

UKupiso udibene noNwabisa G kunyaka ophelileyo.

“Ndakube ndibone ukuzimisela kwakhe ndeva nelizwi lakhe, ndalangazelela ukusebenza naye. Ndaye ndamvisa le ngoma, wayithanda naye, sobabini sathanda umyalezo okuyo, kwabe oko kukuzalwa kwayo,” kubalisa uKupiso.

Uthi wavuya xa ebona kuTwitter abantu besithi bave ingoma yakhe kwiShowmax, wabe sele ebizwa ngabavelisi beThe Wife ukuvuyisana naye kuba le ngoma ithandwe kakhulu ngababukeli balo mdlalo.

UKupiso uthi okumenza ohluke kunabanye kukuba yena uyimamela ngentliziyo ingoma ukuze aphile emoyeni.

Le mvumi ikhe yakhwela kwiqonga loMnyhadala wezobuGcisa eMakhanda, ithi oku kwenza iqwalaselwe ngabantu abaninzi kwicandelo lomculo.

Umculo wakhe ufumaneka kwiivenkile zomculo kwi-intanethi. Kumakhasi onxibelelwano ufumaneka ku: @zuko_sa1