UZwai uthi azimkhathazi iintetha zikaTwitter

IQONGA lonxibelelwano uTwitter, kwezi ntsuku lithande ukunika umdla nalapho oosaziwayo bekhupha okubatyayo kwiinkalo ngeenkalo kuquka ezopolitiko, kutsha nje, usaziwayo nemvumi eyaziwayo, uZwai Bala, ubonakalise ukukhathazwa ‘yintswela-mbeko’ eqhubekeke kwindlu yowiso-mthetho, uBala uvakalise iimbono zakhe kuTwitter, nalapho aphendulwe ngabaninzi.

Eli lungu leTKZee lithi alikhathazekanga nakancinane yingxokolo eqhume kuTwitter ngezimvo zalo elizenze ngenkokeli ye-EFF, uJulius Malema ngoLwesithathu.

Ugxudululu lwabasebenzisi bakaTwitter bakhwele bezehlela kuBala, emva kokuba eyichaze njengengena ‘ntlonipho’ inkokeli ye-EFF emva kokuba ibize uSomlomo weNdlu yoWisomthetho, uBaleka Mbete, ngegama lakhe lokuqala. “Uninzi lwabemi boMzantsi Afrika baneembono ezithile ngepolitiki, kwaye banelungelo lokuvakalisa iimbono zabo.

Kodwa njengamaAfrika, intlonipho ngundoqo yaye ayixoleleki. Eka Julius yokungahloneli uMam’uMbete, ambize ngegama lakhe lokuqala, akusoze kuhambelane nemithetho yobuAfrika, oko kukungakhathali kwenkokeli,” ubhale watsho uBala.

AbakuTwitter, bagxeke uBala njengothabatha icala kwaye ofuna ukuvakala.

Emva kokuthotha kwale ngxoxo, uBala ubuyele kwiTwitter ngeliyokwazisa wonke umntu ukuba iintetha zoluntu azimhluphanga.

Le nzalelwane yaseTinarha, kwiMpuma Koloni, itshilo.