Wamkelwe ngochulumanco uDrake eMzantsi Afrika

ABALANDELI kunye nabathandi bakaDrake abakwazanga kuzibamba ngethuba egaleleka kweli loMzantsi Afrika.

Le mvumi yehip hop yaseCanada, nekwaphumelele imbasa yeBest Male Hip Hop Artist kwiBET iseMzantsi Afrika! UAudrey Graham, nodume njengoDrake, kukholeleka ukuba wenza ividiyo yakhe yomculo kweli loMzantsi, kwaye wamkele isimemo sikaMphathiswa wezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-Siseko uJeff Radebe lokundwendwela iNelson Mandela Centre of Memory eseHoughton, eRhawutini.

Abalandeli bakhe bahlanganisene ngaphandle kweli ziko ukuze bazibonele eli qhawe le-hip hop, neliye lenza intetho encinane yombulelo ngokwamkelwa ngezandla ezifudumeleyo kweli.

UDrake ukhumbuze ulutsha ukuba, xa yena ekwazile ukuyenza, wonke ubani angayenza naye.

“Ndikhuthaza ulutsha ukuba kuqaqambise ikamva lalo kangangoko linako” utshilo uDrake.

Iholo lela ziko ligcwaliswe ngoonondaba nabantwana abavela kwiNelson Mandela Foundation nakwizikolo ezikwiindawo ezingqongileyo, nabalinde phantse iiyure ezintathu ukuze kugaleleke lo saziwayo.

UDrake ukhenkethiswe kwela ziko waze wafunda kabanzi ngoMandela kunye nembali yoMzantsi Afrika emayela neJune 16.

Esamkela uDrake, uMphathiswa uRadebe uthe: “Siyakwamkela eMzantsi Afrika. Intombi yam indixelele ukuba ungumRapper ophezulu ehlabathini.”

URadebe umnike isikipa sikaMandela waze wathi: “Sinethemba sakusibona kwividiyo yakho elandelayo.”