Wayezintyintye ngamayeza, hayi ngotywala

UMSASAZI woMhlobo Wenene FM, uSamora Mangesi, ungxengxezile ngesiganeko seveki engaphaya kwephelileyo, esashiya abaphulaphuli besi sikhululo bemtyhola ngokunxila emoyeni.

UMangesi uthi ngamachiza awawathathayo awamenza avakale okomntu onxilileyo emoyeni.

NgoMgqibelo, umhla we9 kule nyanga, uMangesi wakhutshwa phakathi enkqubeni yakhe ngethuba esasaza inkqubo.

Abaphulaphuli beQonga Labatsha babhala kumakhasi onxibelelwano betyhola uMangesi ngokuzitshiza ngobhelu lomsele emva kokumva ebhuda neentsuku emoyeni.

Ebhala ngale ntlazane kuFacebook wakhe, uMangesi uqale ngokucela uxolo ngesi siganeko.

“Kusapho lwam, izihlobo, oogxa bam emsebenzini nakumphulaphuli woMhlobo Wenene. Okokuqala ndingathanda ukuqalisa ngokuvuma kwaye ndixolise ngeziganeko ezenzeke ngomhla we9 kuTshazimpuzi ka2022 ngethuba losasazo lweQonga Labatsha,” uqale watsho.

Uthi kube buhlungu ukubona abantu besithi akalixabisanga ithuba alinikwe nguMhlobo Wenene.

“… kodwa kube eneneni kungenjalo. Ndiye ndakhetha ukuthula, ndinyamezele iintetha de ibe le nyewe isonjululwe ngabaphathi, kwaye oko kuye kwenzeka,” kubhala uMangesi.

UMangesi uthi kubonakala ngathi amachiza awawatyayo zange asebenze ngokukhawuleza, de kwafikelela ixesha lakhe lokusasaza.

“Abo bandilandela kumakhasi onxibelelwano bayazi ukuba phambi komhla wesithoba kuTshazimpuzi bendingekho sesimeni esihle ngokwempilo, nangona bendiziva ndingcono noko, kodwa ndisenako kona ukungaziva kakuhle ncam. Ndiye ndaqalisa ukutya amayeza, nekubonakala ukuba khange asebenze okanye awasebenzanga ngokukhawuleza ngokwaneleyo ukuze ndibe ngcono phambi kwentsimbi yesithandathu emva kwemini ngoMgqibelo, ukuze ndingayiphosi inkqubo yam yesibini, ndidanise abo bandixhasayo nabathe bakholelwa kum kolu hambo lwam,” kuphawula lo msasazi usandul’ukuqeshwa nguMhlobo Wenene.

UMangesi uthi kuba ebefuna ukuyokonwabisa abaphulaphuli bakhe, uqhubeke nokongeza amachiza, nto leyo eyenze kwapotyakala izinto.

“Oku kundenze ndingazinzi, ndisasaze ngendlela engacacanga emoyeni, nethe yenza ukuba abaninzi bakholelwe ukuba bendinxilile.”

Uthi ibingezonjongo zakhe ukurhuqela phantsi igama leSABC ayisebenzele iminyaka elishumi.

Lo msasazi ubambe ngazibini kumama wakhe athi uye kwanyanzeleka ayokumonga ukuze abuyele esimeni esisiso sempilo.

Uthi uwafakile amaxwebhu ayimfuneko kwaye amkelwa ngabaphathi boMhlobo Wenene. Esithi bavumelene nabaphathi ukuba abuyele emoyeni ngomhla wesixhenxe kwinyanga ezayo.

“Ngoko andiyi kubakho emoyeni kuba ndiye ndenza impazamo yokungazixeli ukuba ndiyagula, ndazintyintya ngamayeza endaweni yokuthatha usuku. Kwakhona, oku ndikwakwenzela ukuze ndonese impilo yam ngokwasemzimbeni nangokwasengqondweni, ze ndibuyele kuwe ndinamandla ngomhla we7 kuCanzibe.”