Wonke umntu useBubeleni eBhayi!

USamthing Soweto ngomnye weemvumi ezizakonwabisa uluntu kwi-Ebubeleni Music Festival

I-EBUBELENI ilindele uchatha kubathandi bomculo abaza kuzimasa lo mnyhadala kulo nyaka.

Kulo nyaka wesithandathu, iEbubeleni Music Festival ingazinyaswa ngamashumi amabini amawaka [ 20 000 ] abantu xa kuthelekiswa nenginginya eyayizimase esi siganeko kunyaka ophelileyo.

Oku kuthethwe ngumququzeleli walo mnyhadala oqhutyelwa eBhayi minyaka le, uMark Mahambehlala, ngethuba edlan’ iindlebe nephephandaba I’solezwe.

“Abantu abatsalwa bubume beemvumi eziseqongeni kuphela, kodwa bazakube bedibana nezihlobo zabo abazigqibela kudala,” utshilo.

UMahambehlala umemelela abantu ukuba bagilane ukuya kuqwela kuloo matikiti okugqibela aseleyo.

“Akuyi kuthengiswa matikiti emnyango, kwaye ambalwa ashiyekileyo eComputicket sithetha nje.”

Lo mnyhadala kulo nyaka uza kuqhutyelwa eNelson Mandela Bay Stadium.

Phakathi kweemvumi ezizakudyusha eqongeni kuquka uCaiphus Semenya, Letta Mbulu, Sands, Amanda Black, Sjava, AKA, Mafikizolo, Lady Zamar noSamthing Soweto.

Ababhexeshi ngolu suku ngu-K.Ci August noMafa Bavuma boMhlobo Wenene fm.

Lo mnyhadala ungoMgqibelo umhla we-30 kweyoMnga 2017. Amasango avulwa ngentsimbi yeshumi elinesibini emin’ emaqanda de kuse.

Amatikiti aqala kwi-R250, ele-cooler box yi-R50, ze abo bakhetha ukubeka iimoto zabo ngaphakathi ebaleni bathenge itikiti le-R50 nabo.

UKHUPHISWANO!

Ukuba useBhayi, unomdla wokuya kwi-Ebubeleni Music Festival, eli lithuba lokuzifumanela itikiti elinye (general ticket) kumatikiti amane esiphisa ngawo.

Ngena kwi-inbox kaFacebook wethu: Ilisolezwe okanye kuTwitter: @ilisolezwe, usixelele igama lemvumi oyithandayo ezakube ikulo mnyhadala nengoma yayo oyithandayo.

Ukhuphiswano luyavala ngentsimbi yesine kulo Mgqibelo we-23 kweyoMnga.

Ophumeleleyo uyakwaziswa kwakumaqonga wethu wezonxibelelwano. Ungaphoswa!