Yidrama yodwa kumdlalo iBones of my Bones!

BONES OF MY BONES – Ucinge kakuhle! Lo ngumdlalo onokwenza nezothando kunye nokuzimanya ngeqhina lomtshato kwabo bathandanayo.

Lo mdlalo uneziqendu ezilishumi elinesithathu kwaye ubhalwe nguSipho Xolisa Tshapu inzalelwane yeMpuma Koloni esele isaziwa ngokubhala imidlalo kamabonakude eliqela efana neSkeem Saam, Muvhango, Isidingo neminye emininzi.
Lo mdlalo ujikeleze iinzwana ezine ekudala zaba zizihlobo kususela ebuntwaneni. IBones of my Bones ilandela ubomi bala madoda mane nanjengoko exakene nobomi bemihla ngemihla, bekwafumana uxinzelelo kubudlelwane bawo  kunye namanenekazi anelizwi.
Lo mdlalo uzimisele ukubonisa ukuba kuthetha ntoni ukuthanda umntu kwaye uzimisele nokumenzela nantoni na, kananjalo nemizamo yokumelana namadabi eza nobudlelwane obo, umbhali oyintloko walo mdlalo uTshapu uxelele I’solezwe.
Kwisiqendu sokuqala namhlanje, sigagana nomtshato omkhulu ophakathi kukaKgotso noKeitumetse ozakulandelwa yidrama engumangaliso kwelinye icala.
Abadlali abaphambili baquka:
Solomon Sebothoma odlala uKgotso 
Aubrey Poo odlala uKarabo 
Kabelo Moalusi odlala uMokau 
Kgaugelo Mosomane odlala uNeo 
Mmatima Moremi odlala uThembi 
Gontse Ntshegang odlala uKeitumetse 
Nthati Thomas odlala uPuleng
Tango Ncetezo odlala uMasego 
Batsile Ramasodi odlala uThabiso 
Clementine Mosimane odlala uMa Mohlala 

I-Bones of my Bones ikwi-SABC 2 ngo-21:30