Yimpelaveki yefashoni nolonwabo le, nanjengoko ingafikanga igalelekile iEastern Cape Fashion Week, ngoMgqibelo, umhla weshumi kule nyanga ka-Agasti, eBoardwalk ICC, eGqeberha.
Lo msitho nobukade usaziwa njenge-Ebubeleni Fashion Week, ukunyaka wesithathu kulo nyaka uqhuba. Ukanti ukwathembisa umdla omkhulu nozakuthi wonwatyelwe ngabaninzi, kuquka nabo bazakuthi batyelele le dolophu kule mpelaveki.
Balishumi abayili abaza kubonisa ngemisebenzi yabo kulo msitho omxholo uthi “Evolution of Fashion over the 30 Years of Democracy” – Expressions of FREEDOM.
Uluhlu lwabayili abaza kubonisa ngemisebenzi yabo:
1. SANDI DANI DESIGNS by Sandisiwe Dani
2. LEMFUX SA by Athenkosi Mfungula
3. CUSH DESIGNS by Siyabulela Zondani
4. CARLOS FRITZ CREATIONS by Carlos Fritz
5. MSABA EMPORIUM by Thakazelwa Mhlomi
6. MARTIN JOHN BESPOKE by Martin John Steenkamp
7. HANDMADE BY TAZLEIGH by Tazleigh Swartz
8. UKHOBO by Khanyisa Miliho
9. WHIMSICAL CHILD CLOTHING by Annabel Hift
10. VAN ZYL APPAREL by Jan Hendrik Van Zyl
Ukanti lo msitho uza kuba nabo nabafundi bezifundo zefashoni beYunivesithi iNelson Mandela, abazakuba ziindwendwe zabayili.
“Undwendwe lwethu olukhethekileyo lomyili weempahla kulo nyaka nguSonwabile Ndamase, nowazenzela igama ngokuyila iihempe zikaTata uNelson Mandela. Sinethamsanqa kakhulu ukuba noNdamase oza kubonisa okokuqala uyilo lwakhe phambi kokuba aye kubonisa ngalo eNew York, kwinyanga ezayo uSeptemba,” utshilo umququzeleli walo msitho uNamhla Fihla.
Okokuqala kulo msitho, kuza kuthi kunikwe iwonga kulo myili weempahla uNdamase. Lo kaNdamase uza kwongwa nge-Eastern Cape Fashion Week Aloe Legacy Award ngosuku lwalo msitho wefashoni. Ukuwongwa kwakhe iza kuba yindlela yokuqaphela umsebenzi wakhe njengomyili wefashoni, kwanegalelo lakhe kwifashoni kwiminyaka engamashumi amathathu (30) enkululeko yoMzantsi Afrika.
Imvumi yoMzantsi Afrika eyaziwayo nesele ineminyaka engaphezulu kwamashumi amabini emculweni, uLira, uza kuba yinxalenye yalo msitho, esonwabisa abo bazakube bekulo msitho.
Umsitho lo linyathelo lenkampani engenzi nzuzo iEbubeleni Festival Projects, eyasekwa ngo2019, ukuphuhlisa ishishini lobuGcisa, iNkcubeko kunye neFashoni kwiMpuma Koloni iphela.
Lo msitho wenziwe wayimpumeleli yinkxaso yezi nkampani zilandelayo: National Lotteries Commission, Sun Boardwalk, Business & Arts South Africa, Woolworths Beauty, The Tramways, kunye neLegends.
Amatikiti alo msitho wefashoni ayafumaneka kwiWebticket, ePick ‘n Pay, nakwaBoxer, kwaye axabisa iR500, equka okusiwa phantsi kwempumlo.
Amabhokobhoko ebethe iNew Zealand kwaqina ubunganga bawo embhoxweni wehlabathi