Yonwabela iAll White Heritage Picnic eGqeberha!

Imvumi yoMzantsi Afrika uKelly Khumalo, uza konwabisa uluntu kwi-All White Heritage Picnic eGqeberha.

Inyanga yoMsintsi yaziwa njengenyanga ekuthi kubhiyozelwe inkcubeko ngomhla we24 kwilizwe loMzantsi Afrika, ukanti ke iGqeberha nakulo unyaka iza kubhiyozela olu suku ngomsitho iAll White Heritage Picnic.

Lo msitho nokunyaka wesithathu uqhuba, uza kubanjelwa eVictoria Park ngeCawa, umhla we22 kule nyanga yoMsintsi. Ukanti abaququzeleli balo msitho bathembisa ulonwabo oluthe chatha lweemvumi ezizakwabelana ngeqonga.

I-Victoria Park ngumakhelwane weSouth End, kwaye iqhayisa ngobuhle bendalo obuquka igadi nendawo enengca entle, newulungeleyo lo msitho.

I-All White Heritage Picnic ibhiyozela iinkcubeko ezahlukeneyo eMzantsi Afrika ngomculo nangefashoni. Abo baza kubayinxalenye yalo msitho kulindeleke banxibe iimpahla ezimhlophe qhwa, ezivangwe sisintu ukubonisa ilifa lemveli nenkcubeko yabo.

“Kulo nyaka nanjengoko sibhiyozela iminyaka engamashumi amathathu enkululeko eMzantsi Afrika, siza kuthi siwonge isibini esiza kubayinxalenye yalo msitho, nesiyakube sinxibe ngokugqwesileyo ukubonakalisa inkcubeko yaso,” utshilo uMarc Mahambehlala ongumququzeleli walo msitho.

Iimvumi eziza konwabisa uluntu kulo msitho ziquka iiScorpion Kings – uDJ Maphorisa noKabza De Small, Amanda Black; Afro-Soul, Semito, Kelly Khumalo, Zuko SA, Simmy, kwakunye neemvumi ezinetalente zaseGqeberha, uAsanda Mqiki, uLikhey Booi, iiDJs uBlackman, Luniko, noDocta Musiq.

Umcimbi lo, uza kubhexeshwa ngoosaziwayo kwezolonwabo, uSomizi kunye noMafa Bavuma.

Ukanti iAll White Heritage Picnic yenziwa ngenkxaso yeNational Lotteries Commission, iEastern Cape Parks & Tourism Agency, Umhlobo Wenene FM, iTru FM, iNkqubela FM, iMadibaz Radio, iEbubeleni Festival, Sandla Black kunye neMahambehlala Communications.

Amatikiti ayafumaneka eWebtickets, Pick n Pay, kunye naseBoxer, kwaye ixabisa lawo liqala kwiR360.

Lo msitho uqala ngentsimbi yeshumi elinanye kusasa, de ibeyeyesithandathu emalanga, ukanti wona amasango avulwa kwakusasa ngentsimbi yethoba.

I-All White Heritage Picnic yenye yeemveliso ze-Ebubeleni Music Festival, kwaye lo msitho uhlakulela iEbubeleni Music Festival ebanjwa rhoqo ngenyanga yoMnga eGqeberha.