#Zaziwa – Bancokola nabani namhlanje?

KwiZaziwa namhlanje ( 28 kweyeKhala 2016) UPearl Modiadie umbhexeshi weZaziwa, uzakube epheka esophul’ umdlali kamabonakude uBoikie Pholo ngokuhlwanje. UBoikie uzakuncokola noPearl ngomdlalo iLesilo, nokuba lo mdlalo ubutshintshe njani ubuso bomabonakude woMzantsi Afrika.

UPholo ukwasibonisa ukuba wayengubani na ngeentsuku zobutsha bakhe, kwaye ekwasibonisa nohlobo lwemijuxuzo ayithandayo. UPholo, 76, waduma ngendima yakhe yokudlala umdlalo wamaqhula iLesilo ngeminyaka yoo-1980.

Wakhe wadlala njengoMmusisi Ratau kumdlalo weSABC 1 iGa Re Dumele. UPholo udlale nakweminye imidlalo efana ne-After 9 Season 2, i-eKasi: Our Stories, Soul City 12, Mamello 1, The Mayor kunye ne-The Wild. Xa iphela le nkqubo, uPearl woyikisa uBoikie ngokubuyisela uLesilo ebomini. Ungadibana noBoikie kwisizini entsha yeGa Re Dumele Season 5, noqalayo ngowe-14 kweyeThupha ngo-19h00 kwiSABC 2.