Zibangelwe yintoni iintanda phakathi koSomizi noBonang?

KUKHALE ntakani phakathi koSomgaga noQueen B? Baphelela phi oba buhlobo babo babuvutha?

Ukuba ubusibukele isiqendu sale veki sikaLiving The Dream noSomizi, uyakubanazo iimpendulo zokwenzeka phakathi kwesi sibini.

USomizi ukukhuphe konke okwadala umsantsa phakathi kwakhe no-Bonang Matheba. USomizi noBonang, bebengohlukani, bengabahlobo bokwenene abalala ngengub’ enye, kwaye bexhoma imifanekiso yobuhlobo babo umhla nezolo.

USomizi ukuthethe phandle okwaqhubeka phakathi kwakhe nomhlobokazi wakhe uBonang: “De kube ngoku andikamboni uBonang, sele iyinto engangeenyanga ezine, besingabahlobo into engaphezu kweminyaka emihlanu, kwaye bendicinga ukuba singabahlobo bokwenene..”

“Ngenye intsasa xa ndivuka akasathethisani nam, kwaye ndaye ndeva ebantwini ukuba akasandilandeli nokundilandela kwiTwitter nakwi-Instagram. Ukugqibela ukuthetha kwam naye wayese- Mauritius kubusuku obungaphambili, endixelela ngohlobo andikhumbula ngalo, emva koko dololo.” utshilo.

“Endikuvayo kokokuba ucinga okanye waxelelwa ukuba ndixelele uZinhle ngobudlelwane bakhe no-AKA…kodwa kutheni? Kutheni ndizakwenza lo nto kuye?”

USomizi uthi ubafuna bobathathu, uZinhle, * -AKA noBonang, bahlale phantsi, bamxelele ukuba ngubani osasaze oko ngaye. Ugqibezele ngokuthi “abantu bangena ebomini bakho, baze bahambe ngesizathu.”

Kusenjalo, uSomizi udize ukuba uzakuzi- bandakanya nesikhululo sikanomathotholo se-SABC. Le jaji yeSA Idols, yabelene ngezi ndaba zinkulu nabalandeli bayo baka-Instagram ngoLwesibini.

USomgaga, nanjengoko eteketiswa ngabanye, akasixelanga isikhululo azimanya naso.