UDineo Ranaka, ongumsasazi kanomathotholo kwakunye nomabonakude, ulahlelwe ngaphandle yinkampani yakhe yezopapasho.
Le nkampani, igqibe kwelokuba iqhawule ubudlelwane naye emva kwempendulo yakhe kumfundi kaGrade 12 ozibiza uMiss Mnisi kuTwitter, nethe yadala ingxushushu-ngxushu.
Le ntwazana icele uRanaka amphe isipho selokhwe yomdaniso weMatriki.
Ephendula kwesi sicelo, uRanaka uthe: “Umdaniso weMatriki kufuneka ibe yinto yokugqibela ozikhathaza ngayo. Injongo ayikokujongeka usisityebi, kodwa ubesiso isityebi.”
Nangona nje eye wafumana ukuxwaxwa kwiTwitter, uRanaka walile ukwehla okanye ukuxolisa ngempendulo yakhe kuMiss Mnisi.
INdabezinhle PR & Communications ikhuphe ingxelo ende ecacisa ukuba bafikelele njani kwisigqibo sokuqhawula umtshato noRanaka.
Ngokutsho kwengxelo ekhutshwe ngomele inkampani yopapasho noqhagamshelwano, umlawuli (MD), uGugulam Ndabezitha, bahambe noRanaka ukuya kwikhaya likaMnisi eMpumalanga, ngethemba lokunikezela ngoncedo lwezezimali kule ntwazana nomhlobo wakhe uDimpho, ukuze bafunde.
Le ngxelo ifundeka ngolu hlobo:
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party