1000 yamadoda angenalungu langasese eMzantsi Afrika!

UObed Bapela onguSekela Mphathiswa kwiSebe leNtsebenziswano neMicimbi yeMveli ethetha kwindibano yokuphehlelela iphulo lokunqanda ukusweleka kwabakhwethaUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Usekela Mphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli uObed Bapela, uthi baqikelelwa kwiwaka abantu abatsha abangasenalo ilungu lobudoda.

Ingxelo kaBapela ithi la ngamaxhoba engxaki zokwaluswa gwenxa okanye ukungaphathwa kakuhle kwesiko ngexesha besesuthwini.

“Kwiminyaka emithathu egqithileyo besifumene ingxelo yokuba ngabantu abatsha abangamadodana abakumakhulu asibhozo abengalo ilungu lobudoda kuzwelonke ngenxa yengxaki zolwaluko, elo nani inokuba lenyukile xa kungoku,” ucacise watsho uBapela.

Ebethetha kumcimbi wokumiselwa kwexesha lolwaluko lasebusika Komkhulu eBumbane ngaseMthatha, ephahlwe ziiNkosi kunye namagosa karhulumente.

“Uninzi lwaba bantwana bayalahleka bangaziwa ukuba baye kutshona phi, abanye bayeka isikolo kumaziko emfundo ephakamileyo kuba bayagezelwa ngabanye, maxa wambi bayazibulala,” uthethe watsho uBapela.

Uthi nangona kunjalo intsebenziswano phakathi kukarhulumente, iiNkosi noluntu iyafuneka ngamandla.

Egameni leSebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uGqirha uMthandeki Xhamlashe uthi ngenene ikho ingxaki yabantwana abasoloko belahlekelwa ngamalungu obudoda ngenxa yesiko lokwaluka.

“Kuphando lwethu lezempilo sifumanisa ukuba ingxaki kukuselwa kotywala kakhulu yile genge xa iza kungena esuthwini, ngoku sichitha ixesha elininzi sisilwa notywala, isiko lingenayo ingxaki, de kwenzeke lo monakalo kwilungu lobudoda liqhawuke,” utshilo uXhamlashe.

Lo kaXhamlashe ukwadize ukuba kukho iinzame ezenziwayo zokubuyisela eli lungu kumadodana angasenalo. “Sikunye neyunivesithi yaseStellenbosch zikho iinzame ezenziwayo ngeenjongo zokuba babuye bafakelwe into ethile noko, kungasese kuthi cwaka,” utshilo uXhamlashe. Ingxelo ithi liyabiza utyando olwenziwa ukubiyisela ubudoda emntwini.

Ukanti uMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli eMpuma Koloni, uFikile Xasa, uthi zikho iinzame ezenziwayo ukukhathalela la maxhoba.

“Sinephulo eliyindibanisela phakathi kwethu nesebe lentlalontle, isebe lentlalontle lilo elikhathalela olu lutsha lunale ngxaki yokuqhawuka kobudoda,” utshilo uXasa.

Ngonyaka ka2017 ngabantwana abangamashumi amabini abe bephulukene nelungu labo lobudoda eMpuma Koloni, uninzi lwabo beluphuma kwingingqi yaseOR Tambo.

UNkosi Mwelo Nonkonyana umemelele ukuba kusetyenzwe nzima ukuze kufikelelwe kumakhaya wabantwana abangamaxhoba ale meko.

siyabulela.mqikela@inl.co.za