110 ephila uNomathokazi

UNomathokazi Nowinile Sonti ona 110 kwikhaya lakhe eCumakala. Umfanekiso: uthunyelwe

Umakhulu uNomathokazi Nowinile Sonti waseCumakala (110)ngomnye wabantu abambalwa abasaphilayo abagqithe ikhulu leminyaka bephila kwihlabathi.

Le nkondekazi yazalwa ngonyaka ka1910, yaza yalizwa ngabantwana abalishumi elinanye. Othethe egameni lekhaya uMxolisi Sonti uthi bathathu kuphela abasaphilayo kweloshumi linanye.

”Omdala kubantwana bakhe abasaphilayo unamashumi asibhozo, omnye umashumi asixhenxe anesibini owkugqibela abe namashumi amathandathu ananye,”itsho ingxelo.

UNomathokazi uhlala engqongwe lusapho lakhe nje ngomthombo wobomi kubo.

”Ndikhulele ezifama, ndikhule kakuhle kakhulu, ndisele ndodwa kubantwana basekhaya, abasekho abanye,”kutsho uNomathokazi Sonti.

Ingxelo yekhaya ithi usakwazi ukwenza imisetyenzana efana nokutshayela, akancediswa kwezinye izinto.

”Ndibulela uThixo ngokundigcina kangaka, kuba ndide ndabona nesizukulwana sesizukulwana sam,”utsho uSonti.

Ngabantwana abangamashumi amabini anesibini abasisizukulwana sakhe.

Unyana wakhe uMxolisi Sonti uthi benza umbulelo ongazenzisiyo kuThixo ngenxa yentsikelelo abanayo yokuhlala nonina ixesha elide kangaka.

”Ininzi into esiyifundileyo nesisayifundayo kuye,sele efana nentlantlambo kwelikhaya, kuthi,kubantwana bethu, kubazulwana bethu nesizukulwana,”kutsho uMxolisi Sonti.

UNomathokazi nangona eyile nkondekazi, akazange ayifumane indlu yesibonelelo sikarhulumente, usapho luzame lwancama.

Ingxelo yombutho wezizwe ezimanyeneyo ithi uChitetsu Watanabe waseJapani ngoyena mntu mdala kwihlabathi, nanje ngoko eneminyaka elikhulu neshumi elinesibini.

UWatanabe yena zalwa ngonyaka 1907 eNigata kwelaseJapani.

Unyaka wokuzalwa kukaNomathokazi u1910 ngunyaka wembali kweli loMzantsi Afrika nanje ngoko kwasungulwa umdibaniso owadibanisa iMpuma Kapa, Ntshona yalo, Freyistata, Natala kwakunye neTransval yakudala.