12 426 yezindlu ezizakwakhiwa

LIZOKWAKHA izindlu ezibalelwa ku-12 426 isebe lokuhlaliswa koluntu eMpuma Koloni kulo nyakamali.

Oku kudizwe ngumphathiswa weli sebe uHellen Sauls-August kuhlahlo lwabiwo mali leli sebe lalo nyakamali.

Umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay uzakufumana esona sabelo sikhulu kweli nani. uSauls-August udize ukuba amawaka amathathu azakwakhiwa phantsi kwalo masipala.

Ukanti iBuffalo City izakufumana i1800 yezindlu kwakulo nyaka mali. Bobathandathu oomasipala bengqingqi beli phondo bazakufumana isabelo kweli nani.

La manani aquka ukwakhelwa kwamagqala omkhosi ngethuba eli lalizabalazela inkululeko kwabanye baba masipala. “Kubambiswano noomasipala, sifake isiyilo semithetho elawula iindawo ezihlala uluntu kwisebe lentsebenzioswano noomasipala kwakunye nemicimbi yemveli,” utshilo uSauls-August.

Uqhube wathi, “Silindele ukuba bonke oomasipala basungule ikomiti ezakujongana nokunikezelwa kwezindlu eluntwini, ukuqinisekisa ukuba le nkqubo ayinamkhethe, kuxhamla wonke umntu ofanelekileyo, kwaye akukwethwe bani ngokwesini.”

Ukwathe, eli sebe lizakunikela ngeetayitile eziyi8000 kubahlali boomasipala abaquka uMzimvubu, Ingquza Hill, iBCM, iNMBM, iSenqu, eNgcobo, eMalahleni, eSakhisizwe naseBlue Crane.”

Oku kukuqinisekisa ukuba abantu banelungelo elipheleleyo kwiindawo abahlala kuzo,” utshilo uSauls-August.