1983-2022: Ulufezile ugqatso lwakho B.K!

INXILA lengoma, iqhula ebelizele ububele, intlonipho, likwathanda umsebenzi walo nomculo weekwayala. Le yindlela azotywe ngayo umsasazi woMhlobo Wenene FM oswelekileyo uBulelani Koyo.

Isithethi nesithethi kwinkonzo yokugxwal’ emswaneni ngoLwesibini, sichiphize iinyembezi ngethuba sisabelana neholo laseFeather Market ebizele imi ngeembambo ngeenkumbulo ngoBK-The Maestro.

Ukusuka kubaphathi benkqubo, oogxa bakaKoyo emsebenzini, abeekwayala, abomculo wegospile ukuya kusapho, bathi uKoyo ubuphilile ubomi bakhe.

“Ebefikeleleka engenamona, ethanda wonke umntu, exhasa wonke umntu kwaye enamaphupha,” kutsho uGwiba Nkonki ongugxa kaKoyo kuMhlobo Wenene, nobekwanguye nomhlobo osenyongweni.

UNkonki obenyembezana uthi ebekunye noKoyo ngethuba kumnandi nangethuba kukubi ebomini bakhe, esithi uxanduva ashiywe nalo ngulo msasazi ngumntwana wakhe ekuphela kwakhe oyintombazana, uMasilakhe.

“Ngethuba besiyokubona umzimba uthe uMasilakhe ufuna ukuhlala ecaleni kwam, kuye kwafuneka ndiqine ndingalili kuba ndisenzela yena, ibe yinto ebuhlungu kakhulu leyo kum,” kutsho uNkonki echiphiza.

UNkonki uthi apho bekhoyo uKoyo bekucaca, enoburharha kwaye eneetalente ezileqela.

UKoyo, 39, usutywe kukufa ngomhla wesine kweyeKhala emva kokuphuma engena koogqirha ngenxa yesifo somhlaza wesibindi.

Ebengumsasazi wenkqubo yeeKwayala kuMhlobo Wenene esenza nemiphanga.

Le nzalelwane yaseBhofolo bikwayimvumi yomculo wegospile kwaye ikhuphe amacwecwe aliqela.

Ethetha, ekwabulela inginginya ebizimase le nkonzo ngolu suku, uManejala weeNkqubo zoMhobo Wenene FM, uMasixole Mdingane, uthi uKoyo uya kuhlala ekhunjulwa njengenye yeengqwele kwesi sikhululo.

“Xa sithetha ngabasasazi boMhlobo Wenene abaziingqwele soze singambali uBulelani kuba bengomnye wabo. Nkqubo nenkqubo ayinikiweyo ukuba ayenze beyibetha ixele,” kutsho uMdingane.

Lo msasazi, owaphumelela kwiRadio Awards izihlandlo eziliqela, uza kubekwa kwikhaya lakhe eliseBhofolo namhlanje (uLwesine).

Ushiya ngasemva umama wakhe uNomonde, umntwana wakhe oyintombazana uMasilakhe, abantwana bakokwabo nosapho lonke.