UMphathiswa weSebe leZemidlalo, uLonwabo, uBugcisa neNkcubeko, uNonceba Kontsiwe, umemelele kwisizwe sakwaXhosa ukuba sibuyel’ eMbo, sikhangele undonakele wokuba yintoni engunobangela wokuphulukana neentsika zakwaXhosa eziquka ukukokoswa kolwimi lwesiXhosa.
UKontsiwe ebethetha kwiZiko leMbali yoluNcwadi (Amazwi South African Museum of Literature) eMakhanda kwiveki ephelileyo kumsitho wokubhiyozela iminyaka engamakhulu amabini yokubhalwa kolwimi lwesiXhosa.
Ukubhalwa kwesiXhosa kwaqalwa eLovedale Press, eDikeni, ngo1823.
UKontsiwe uthi kuninzi okonakeleyo kwaye ukuba ubani nobani angakhe abenoxanduva lokuzibeka amabala ukuzama utshintsho kwaye uthi masazi ukuba asizikhethelanga ukuba sibengamaXhosa sizelwe.
“Sabanemincili siluluntu ukufika kwenkululeko yasiphithizelisa iingqondo zethu, imivuyo nochulumanco yenza abantu batsho balibala. Siye sabukuyibaxa kakhulu singamaXhosa, ndigxeka kwathina ingakumbi bazali kuba uthi umntwana esafunda ukuthetha ube sowumkhumshisa.
“Kanti umntwana makaqale ukufunda ngolu lwakhe ulwimi kungaqali thina bazali siyiqhwabele izandla lonto siyamosha sizibuyisela umva,” utshilo uKontsiwe.
“Thina bantu bathetha isiXhosa fanele sizidle, ulwimi lwakho libhongo lakho, bubuwena. Ibalusizi ke xa omnye evuyela ukuqhwatyelwa izandla kolunye ulwimi ibe kwelenkobe kunzima,” uvale ngelo uMphathiswa.
Ophethe iOfisi yeBhodi ejongene neeLwimi (PanSALB) eMpuma Koloni uGqr. Xolisa Tshongolo uthi kusa funeka kubhalwe ngokumandla ngesiXhosa.
“Sakuthi ukuze sonele abe kanti wonke umntu nosemagqagaleni nophina uyafikelela kwiincwadi ezingokubhalwa kwezinto zesizwe, kuba izinto zesizwe ukuze zigcinakale nokuze ziqondwe nangabantu ebeziqale bengekho kumele kube kanti zibhaliwe phantsi.
“Sinomngeni wokuba izinto ezibhalwe kule mihla zingapapasheki kakuhle ngenxa yeengxaki ezikhoyo kwezoqoqosho nangokuba zaguquka izinto azisafani nakuqala. Ubhalo lubalulekile kuba zipapasha ulwazi kwaye ukuze noluntu lwazi nezenzeke bengekho.” utshilo Gqr.Tshongolo
UNjingalwazi Ncedile Saule okwangumbali weencwadi zesiXhosa uyalele ukuba ngolu suku lokubhiyozelwa kwamakhulu amabini (200) obhalo lwesiXhosa zelubhalwe phantsi ukulungiselela abexa elizayo sele singekho nabo bafumane ulwazi.
“Ukuba bezibhalwe ngesiXhosa iincwadi kuquka ezolimo, ezempilo, nongafundanga ebenokukwazi ukuzifundela, ebenokukwazi nokuzicholacholela izinto abone ukuba isifo esithile angasiphepha njani.
“Uncwadi lubalulekile kuba lusisipili sokuba ungubani na, lusisipili sokuba uloluphi uhlobo lomntu, lusisipili esibalisa ngembali yakho ngexesha elithile. Uncwadi bubugcisa, kukwazi ukuba uligcisa ngengqondo, ngesandla, nangamehlo,” utshilo uNji. Saule.
USaule ukhuthaze uluntu ukuba lufunde iincwadi ngeenjongo zokutyebisa ulwazi kwaye lwandise nendlela yokucinga, ukhumbuze uluntu ekwashiya nesazela kuluntu esithi unyaka uyaphela khawuzibuze zingaphi osowukhe wazifunda iincwadi oko kuqale unyaka.
“Umtu ngamnye makazifune azicikide ukuba yintoni le ingolulwimi lwesiXhosa. Ifana naxa uthetha isiNgesi awukwazi noncuma, kodwa xa uthetha isiXhosa ubanoncumo, ndibenethemba kwaye ndibenokuzithemba,” uvale ngelo uNji.Saule
UKontsiwe uthi ukuba babengekho abantu ababefana nooNkos’ uJongumsobomvu Maqoma nabanye abalwela umhlaba wethu kwintaba zaseMathole apho kwaphalala igazi engakholelwa amaNgesi ukuba oyiswa ngamaXhosa, ngekuthetha ukuba asikho apha namhlanje.
Ukhuthaze ulutsha esithi xa uthetha ulwimi lwakoweni isiXhosa uqinisekisa ubuwena, ayikuba wena awufundanga kwaye uliqaba koko zingce ngobuwena.
UNkosi uGwazinamba Matanzima nonguSekela Sihlalo kwiNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni uthi: “Thina sinenkcubeko ebisenza abantu abantetho isisiXhosa bohluke kwezinye iintlanga nakwezinye izizwe, sinezinto ebezisidibanisa njengengoma, iingoma zethu azikhathali nokuba asazani kodwa beziye zisenze inyanda enye nangokwemimoya.”
“Akwaba le nkqubo sidibene ngayo ingaphembelela ekubeni urhulumente ayenze ibeyintsingiselo into yokubuyiswa kolwimi lwesiXhosa. Noko kule nkululeko sinqwenela urhulumente wabantu ozakukhuthaza ukuthethwa kweelwimi zabantu.
“Xa kusakhiwa umthetho ozakusebenza emakhaya ezilalini, abantu abantetho isisiXhosa ziza kubo zichwethezwe ngolwimi lwasemzini okungathi asinandlela yakutolika izinto zethu ngendlela esiqonda nesiva ngayo,” utshilo uNk. Matanzima.
Uthi inqkubo yeli Sebe ebhekisa kuMphathiswa, mayingakrexezwa into yokukhuthazwa ukuthethwa kwesiXhosa kubaliswe imbali namabali ngolwimi esinokuluqonda nesiluvayo.
Uvale ngelithi kusabonakala ngathi basacekiswa besisizwe esimnyama ngenxa yokuba iiNkundla zamaTyala zisaqhuba ngencilikithi yesiNgesi kodwa ibe ingabantu abamnyama bodwa ngaphakathi abaxoxayo, etsho esithi malingenelele iSebe.
Ubuyile uloliwe phakathi kweKapa neRhawutini