Iindaba

Amapolisa aphanda ngesehlo samadoda amathathu abulewe eHarare

Cwayita Nondula|Published

Amadoda amathathu adutyulwe abulawa eHarare, eKapa.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Amapolisa eNtshona Koloni aphanda ityala lokubulala emva kokuba amadoda amathathu aseHarare, eKapa, adutyulwe abulawa phezolo.

La madoda, naneminyaka engama29, 30, nama43 ubudala, abhaqwe enamanxeba amaninzi okudutyulwa. Kuthiwa abecuphi becandelo leProvincial Serious and Violent Crime Unit baxakekile bezama ukufumana ulwazi olunokuthi luncede ekufumaneni abarhanelwa abangoonobangela bokubulawa kwala madoda mathathu.

Isithethi samapolisa eNtshona Koloni, uColonel Andrè Traut, uthi malunga nentsimbi yeshumi ebusuku, amapolisa abizelwe kwindawo yexhwayelo ekwindlela yaseNtlazane, nalapho imizimba yamaxhoba ifunyenwe inamanxeba amaninzi okudutyulwa.

"Isizathu sohlaselo asikaqinisekiswa, kwaye zonke iindlela zophando ziyaphononongwa ukuze kufunyanwe iinkcukacha ngesi siganeko," utshilo uTraut.

Nabani na onolwazi olunokunceda kuphando uyabongozwa ukuba aqhagamshelane neCrime Stop ku08600 10111 okanye angenise iinkcukacha ngeMySAPS App. Lonke ulwazi luya kuphathwa ngeyona mfihlo ingqongqo, kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.