Iindaba

Inkqubo kaMasipala waseMbhashe inika amakhaya ahlelelekileyo isidima

Cwayita Nondula|Published

Izinto ezanikezwe ngumasipala waseMbhashe kumakhaya angathathi ntweni.

Image: Mbhashe Local Municipality

Umasipala waseMbhashe uqinisekisa ukuba amakhaya angathathi ntweni afudumele kwaye izisu zigcwele njengenxalenye yenkqubo yalo masipala yeeNkonzo ezisiSiseko zaSimahla (FBS). La makhaya afumene izinto ezifana nezitovu zerhasi, oomatrasi, iingubo kunye neevawutsha zokutya.

Le nkqubo iyinxalenye yeForam yeSithili yeeNkonzo ezisiSiseko zaSimahla (Free Basic Services District Forum) eququzelelwa liSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yezeMveli (Cogta) apho umasipala waseMbhashe wabelana ngoluhlu lwabantu abangathathi ntweni kunye neenkcukacha ukuze amanye amasebe anomyalelo owahlukileyo kowawo akwazi ukungenelela apho umasipala engakwazi khona, ngokutsho kwesithethi sikamasipala waseMbhashe uBabalwa Magqwanti.

Ethetha neli phephandaba I’solezwe lesiXhosa malunga nenjongo yale nkqubo, uMagqwanti uthe umasipala uneenjongo zokuqinisekisa ukuba umzi ngamnye ufumana iinkonzo ezingundoqo simahla kwakunye nokubuyisela isidima sabantu babo ingakumbi amakhaya angathathi ntweni.

Indlela abachongwa ngayo abantu abaxhamla kule nkqubo, uMagqwanti uthe icandelo elijongene nale nkqubo lenza amaphulo okwazisa kwiiwadi zonke malunga nemigaqo nenkqubo yokubhaliswa kweenkonzo zabangathathi ntweni.

"Sithi ke sikhuphe iifomu kooceba beewadi ukuba bafake izicelo zeentsapho ezihlelelekileyo ezingakwaziyo ukufikelela kwiiofisi zethu, sikwancedisa nakwiiofisi zethu. Amakhaya afanelekileyo angenise amaxwebhu axhasayo.

"Umasipala uchonge iintsapho ezihlelelekileyo ezikulungeleyo ukubhalisela izibonelelo zabangathathi ntweni kunye nezo sele zibhalisiwe kwirejista yabangathathi ntweni. Oku kubangele ukuba umasipala ancedise loo mizi malunga noku," utshilo uMagqwanti.

Iwadi nganye ifumana izinto ezithi emva koko zinikwe iintsapho ezingathathi ntweni ngelixa ilungu lekomiti kaSodolophu elinoxanduva lokongamela ukunikezelwa kwezi zinto liqinisekisa ukuba usapho ngalunye lufumana izinto zalo. Ngelixa izinto zithunyelwa kumakhaya abantu abadala kunye nabantu abakhubazekileyo.

Abantu abahlala kumasipala waseMbhashe abangekho kuluhlu lwabantu abangathathi ntweni abafumana ezi zibonelelo kwaye bakholelwa ukuba bakulungele ukuxhamla kule nkqubo bayacetyiswa ukuba bathethe nooceba beewadi zabo okanye umququzeleli weFBS.

"Ooceba beewadi baqeqeshwa minyaka le ngobhaliso lwabasweleyo kunye neendlela zokukhetha abantu abafanelekileyo. Ngoko ke izicelo zingenziwa ngooceba okanye kooceba beewadi okanye ngqo kumququzeleli weFBS kwisakhiwo esikhulu saseDutywa," utshilo uMagqwanti.

Oku kuhanjiswa kwempahla kucwangciselwe ukuqhubeka kude kube ngumhla wama25 kweyeKhala 2025.