Iindaba

Kulunyukiswa uluntu ngabantu abazenza uMkhwanazi kumakhasi onxibelelwano

Cwayita Nondula|Published

UMkomishinala wamaPolisa KwaZulu-Natal uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi.

Image: Doctor Ngcobo / Independent Newspapers

Amapolisa KwaZulu-Natal alumkisa uluntu ukuba lungakholelwa kumakhasi onxibelelwano azenza uMkomishinala wephondo laKwaZulu-Natal uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi, esithi uMkhwanazi akakho kumaqonga onxibelelwano.

Isithethi samapolisa eKZN uColonel Robert Netshiunda uthi kukho amakhasi asebenzisa amagama nemifanekiso kaMkhwanazi kumaqonga onxibelelwano afana noX (owayefudula enguTwitter), TikTok noFacebook.

"Amapolisa KwaZulu-Natal afuna ukwazisa uluntu ukuba uLieutenant General Mkhwanazi akanayo iakhawunti kumaqonga onxibelelwano kwaye avakalise ukuba zonke iiakhawunti kula maqonga onxibelelwano ezinamagama nemifanekiso yakhe zibubuxoki, kwaye zisetyenziselwa ukuqhatha uluntu ukuba lukholelwe ukuba nguMkomishinala wePhondo onxibelelana nabo esebenzisa la maqonga onxibelelwano," utshilo uNetshiunda.

UNetshiunda uthe nangona amapolisa esacinga ngokuthatha amanyathelo asemthethweni ngakwabo bazenza uMkomishinala wePhondo laKwaZulu-Natal ukuze bazuze ngokuqhubela phambili iinjongo zabo, uluntu luyaziswa ukuba ezi akhawunti zezomgunyathi kwaye akukho mapolisa aKwaZulu-Natal okanye uMkomishinala wePhondo abakhe bazixhasi ezo akhawunti zomgunyathi.

UMkhwanazi ephefumla ngemifanekiso yakhe esetyenziswa kuqhanqalazo

Uqhankqalazo lokubonisa inkxaso kuMkomishinala wamaPolisa eKZN, uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi obubanjelwe eDurban, eKZN.

Image: Leon Lestrade / Independent Newspapers

"UMkomishinala wePhondo laKwaZulu-Natal ukwabongoza uluntu ukuba luyeke ukusebenzisa imifanekiso yakhe ngethuba lemiqhankqalazo eyahlukeneyo eqhutywa ziipolitiki ingakumbi ezo zichasa uMongameli," utshilo uNetshiunda.

"Nangona uMkomishinala wePhondo eyibulela inkxaso abantu abayibonakalisileyo kumsebenzi wamapolisa KwaZulu-Natal, ukusetyenziswa kwemifanekiso namagama akhe kwiipowusta nemibhalo kwimingcelele kunako ukuthumela imiyalezo ababengenazinjongo zokuyithumela kurhulumente, kumagosa karhulumente nakuluntu lwehlabathi. UMkomishinala wePhondo laKwaZulu-Natal uchasene nolwaphulomthetho nezaphulimthetho, hayi iinkokeli zikarhulumente," uvale ngelo uNetshiunda.