IMK Party ibibambe umngcelele oya kwizakhiwo zomdibaniso inyanzelisa ukuba uMongameli Cyril Ramaphosa arhoxe njengoMongameli woMzantsi Afrika.
Image: Oupa Mokoena / Independent Newspapers
Inginginya yamalungu eMK Party ibibambe umngcelele ukuya kwizakhiwo zomdibaniso ePitoli ngoLwesihlanu, inyanzelisa ukuba arhoxe esikhundleni uMongameli uCyril Ramaphosa kunye nokutshutshiswa koMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu.
Ngentsimbi yesithathu emva kwemini inginginya ibisele ifikile kwizakhiwo zomdibaniso, nalapho ifike inyambalala yamapolisa ocwangco loluntu elindile. Amanye amagosa eNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS) kunye namagosa eSebe lesiPolisa kuMasipala oMbaxa waseTshwane ebehamba nenginginya yabantu ukusuka eChurch Square kumbindi wePitoli.
Inginginya ebisingise kwizakhiwo zomdibaniso iye kwiiofisi zaseMaupa Naga zamapolisa eArcadia, nalapho ithe yanikezela ngengxelo yeemfuno. Ingxelo ihanjiswe ngumququzeleli weMK Party kuzwelonke uJoe Ndlela kwaye yamkelwa nguLieutenant General Samo Chamane nothe wayityikitya.
Emva koko, amalungu eMK Party ahamba esiya kwizakhiwo zomdibaniso apho isithethi seMK Party sikazwelonke, uNhlamulo Ndhlela athe wanikezela ngengxelo (memorandum) kuVincent Ngcobondwane, umphathi kwiofisi kaMongameli.
"Singumbutho uMkhonto weSizwe, inyanga yeKhala siyijonga njengenyanga yobulungisa. Iziganeko zodushe lwenyanga yeKhala ka2021 zisentsha kwiingqondo zethu. Asinakulibala ukuba lo Mongameli wongamele elinye lawona maxesha anesiphithiphithi kwilizwe lethu. Ngaphezu kwako konke, ungene kumanyano neDA ngenjongo yokutshabalalisa umbuso," utshilo.
"Sikholelwa ukuba uRamaphosa akakufanelekanga ukukhokela eli lizwe kwaye kufuneka enze into ebekekileyo, njengoko ebeza kukwenza uComrade Nelson Mandela, ngewayethe makarhoxe. Siye samcela ukuba namhlanje, ngomhla ongumzekelo, enze into ebekekileyo, abeke phantsi, angayenzanga. Ngaloo nto, siphoxekile kodwa asothuki."
Phakathi kwezikhalazo zayo, iMK Party igxininisa ukuba uRamaphosa wasebenzisa izakhiwo zomdibaniso ukuze azikhusele ekuphenduleni ngehlazo lePhala Phala.
Ngaphandle nje kokurhoxa kukaRamaphosa, iMK Party ifuna ukuba bonke abantu abatyholwa nguMkomishinala wamapolisa ephondo laKwaZulu-Natal, uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi, kuquka uMchunu, noSekela Mkomishinala wamapolisa kuzwelonke, uLieutenant General Shadrack Sibiya, batshutshiswe.
Umbutho okhokelwa nguJacob Zuma ugrogrise ngelithi uza kwenza isiphakamiso ePalamente sokuba uRamaphosa avotelwe akhutshwe kwisikhundla sakhe.
Emva kokufumana, ukutyikitya nokugximfiza le ngxelo, uVincent Ngcobondwane weofisi kaMongameli uthe olu xwebhu luza kunikwa uRamaphosa.
"Siza kunika uMongameli uxwebhu, ze emva koko uMongameli enze nantoni na ekumele ayenze nolu xwebhu. Niza kufumana into evela kwiofisi kaMonganeli ethi uMongameli uyifumene le ngxelo yenu, kwaye uza kujongana nayo," uthethe watsho uNgcobondwane.
Ebutsheni bale veki, i-IOL inike ingxelo yokuba umbutho uMkhonto weSizweunikezele ngokusesikweni ileta yesinyanzelo kuCyril Ramaphosa, umbongoza ukuba arhoxe njengoMongameli ngentsasa (9am) yangoLwesihlanu, umhla we18 kweyeKhala.
Kwileta ebonwe yi-IOL, phakathi kwezinye izinto, iMK Party ixelele uRamaphosa ukuba isigqibo sokutyumba uNjingalwazi uCachalia njengeBambela likaMphathiswa wamaPolisa sinyhasha uMgaqo-siseko, kuba esi sifundiswa asilolungu leKhabhinethi okanye leNdlu yoWiso-mthetho.
Isithethi seMK Party kuzwelonke, uNhlamulo Ndhlela, uthe uRamaphosa kufuneka abeke phantsi njengendlela yokunika imbeko uNelson Rolihlahla Mandela, nowayeyinkumanda eyintloko eyasaka uMkhonto weSizwe – iphiko lomkhosi.