Iindaba

iANC iyasamkela isigwebo senkundla ngetyala likaLuthuli

Cwayita Nondula|Published

Inkundla ephakamileyo igwebe ngelithi uNkosi Albert Luthuli wabulawa ngurhulumente wocalucalulo.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Umbutho weAfrican National Congress (ANC) usamkele isigwebo seNkundla ePhakamileyo yaseMgungundlovu ethe ekugqibeleni yafumanisa ukuba owayesakuba nguMongameli wawo uNkosi Albert Luthuli wabethwa wabhubha ngokungenalusini ngamapolisa ocalucalulo.

Esi sigwebo, nesinikezelwe ngoLwesine, umhla wama30 kweyeDwarha 2025, yiNkundla ePhakamileyo yakwaZulu-Natal eMgungundlovu neyonganyelwe nguJaji uNompumelelo Hadebe, siqinisekisa ukuba uLuthuli wabethwa wabhubha ngamapolisa ocalucalulo ngo1967.

Esi sigwebo silungisa amabango amapolisa ocalucalulo athi uLuthuli wabhubha emva kokutshayiswa nguloliwe wempahla.

Othethe egameni leANC, uMahlengi Bhengu, uthe esi sigwebo sizisa ubulungisa, inyaniso, nesidima kwinkumbulo yomnye woonyana ababalaseleyo boMzantsi Afrika nabo bonke abo babandezelekayo phantsi kwengcinezelo yocalucalulo.

"Esi sigwebo siqinisekisa into ebisoloko isaziwa yiANC, umbutho wenkululeko, nabantu ababecinezelwe boMzantsi Afrika – ukuba uNkosi Luthuli wayelixhoba lokubulawa ngurhulumente wocalucalulo. Olu ayiloloyiso nje losapho lwakhe kodwa bonke abafeli-nkolo bomzabalazo wethu abathe ubomi babo banqunyulwa yinkohlakalo yocalucalulo," utshilo uBhengu.

UNkosi Luthuli wayengumfundisi-ntsapho, inkokeli yemveli kunye nomlweli wenkululeko owayexhuzula imikhala njengoMongameli weANC ukusuka ngo1952 ukuya kunyaka awabhubha ngawo ngo1967.

"Ukhokele lo mbutho ngelinye lawona maxesha anzima, ixesha apho bekusiliwa urhulumente wocalucalulo ngendlela engenabundlobongela neyaziwa ngokuba yiDefiance Campaign, ukuyilwa komqulu wenkululeko, nokuvalwa umlomo kweANC," wongeze watsho uBhengu.

ULuthuli waba ngumntu wokuqala waseAfrika ukufumana iwonga leNobel Peace Prize ngo-1960 ngenxa yeenzame zakhe zokulwela inkululeko.