Iindaba

Inkosikazi eyafuna umsebenzi ngesatifikethi somgunyathi sikaGrade 12 iza kuvela enkundleni eQonce

Abongile Ginya|Published

Owafuna umsebenzi ngesatifikethi somgunyathi sikaGrade 12 uza kuvela enkundleni eQonce.

Image: African News Agency (ANA)

Kulindeleke ukuba avele kwakhona phambi koMantyi waseQonce obeligosa leSebe lezoThutho, uPhilela Angela Tafeni (29), ojongene nezityholo zobuqhophololo.

UTafeni ubanjwe ziiHawks zaseMonti emva kophando oluye lwenziwa malunga nokuveza amaqwakuqwaku akhe emfundo abubuxoki. 

Lo kaTafeni uvelile kwiveki ephelileyo phambi koMantyi eQonce wakhululwa ngebheyile yeR3000.

Ngokwengxelo yesithethi seeHawks, uWarrant Officer Ndimphiwe Mhlakuvana, ithi kweyeKhala ka2015, umrhanelwa wafaka isicelo kwiSebe kwindawo yokuba ngumntu ofaka iinkcukacha, idata capturer ngamanye, neyayizoba sisivumelwano sengqesho sonyaka omnye, kweyeSilimela ka2016, wabe sele engaphakathi esifumene isithuba.

UMhlakuvana uthi kweyoMqungu walo nyaka u2025, kuvele iindaba zokuba umrhanelwa wafumana umsebenzi esebenzise iqwakuqwaku likaGrade 12 lomgunyathi.

Ityala laye lavulwa ze lanikezelwa kwiiHawks ziphande.

UTafeni ubanjwe ngomhla wama22 kule nyanga yeDwarha apho ahlala khona eMonti. Ityala lakhe liye lamiselwa unamhlanje umhla wama31 kweyeDwarha.