50 QHA ECAWENI!

UMongameli welizwe uCyril Ramaphosaumfanekiso: Elmond Jiyane/GCIS

IINDAWO zonqulo kulindeleke ukuba zivulele izigidi ngezigidi zabakhonzi iingcango kwakhona kwiveki ezayo emva kokuba iNational Coronavirus Command Council (NCCC) ekhokelwa nguMongameli Cyril Ramaphosa, ivumele iicawe nezinye iindawo zonqulo ukuba zisebenze kwakhona.

URamaphosa uxelele ilizwe oku ngokuhlwa kwangoLwesibini emva kwesimbonono seenkokeli zenkolo ebezimemelela ukuba iicawe zithatyathwe njengenxalenye yeenkonzo ezibalulekileyo xa kungenwa kuLevel 3 weLockdown ngoMvulo, umhla wokuqala kweyeSilimela.

Esi sibhengezo siza kanye ngeli xa abemi boMzantsi Afrika benoloyiko lokuba ukuvulwa kweecawe kungavula isigqubu solosuleleko lwentsholongwane yekhorona.

URamaphosa uthi urhulumente unoxanduva lokukhathalela abemi beli ngokomoya nangokomphefumlo njengoko enakekele impilo noqoqosho lwentlalo oluchatshazelwe yiCovid-19.

“Abemi boMzantsi Afrika ngabantu benkolo. Ukholo lwethu lolona siqamela ngalo kumaxesha obumnyama,” utshilo.

Uthi ukuvalwa kweendawo zonqulo kwenze amalungu enkolo anxunguphala kwezi nyanga zimbini zidlulileyo.

Iindawo zonqulo zichazwe njengeendawo ezidlale indima enkulu ukunwenwisa intsholongwane yekhorona kwiindawo eziliqela zelizwe , kuquka noMzantsi Afrika.

“Iicawe, iitempile, iimosque nazo zonke ezinye iindawo zonqulo zingaqala ukusebenza kodwa zingadluli kubantu abangama50 nangaphantsi. Ukuqelelana kufuneka kwenziwe kwaye bonke abanquli nabathathinxaxheba banxibe iimaski,” utsho.

Kukwabhengezwe ukuba umhla wangeCawe, i31 kuCanzibe uqatshelwe njengosuku lukazwelonke lokuthandaza.

isibhalo@inl.co.za