7.6 Bhiliyoni abantu behlabathi

Owongamele iZiko loBalo-bantu kweli uPali Lehohla Umfanekiso: Independent Media

IINGCALI zobalo-bantu kwihlabathi zisendleleni eza eMzantsi Afrika kwinkomfa engamanani wabantu kwihlabathi, emva kokuba abakwa Statistic South Africa bememe le nkomfa ngempumelelo. 

Ingxelo ithi le nkomfa izakuxoxa iingxaki zokonyuka kwamanani abantu ehlabathi bekhangela iingxaki zendlala, ukubhubha kwabantu kwanexesha elihlalwa ngumntu ngamnye emhlabeni. 

Othethe egameni leStats SA uLesedi Dibakwena uthi uMzantsi Afrika lilizwe lokuqala ukusingatha inkomfa elolu hlobo kweli lamazantsi weAfrika.

“Umongameli uJacob Zuma kulindeleke ukuba enze intetho ephambili ,  ethetha noogqirha neengcali zenzululwazi zobalo-bantu emhlabeni ngomhla wamashumi amabini anethoba kule nyanga eKapa,  apho izakuqhutyelwa khona le nkomfa,” ucacise watsho uDibakwena. 

Ngabantu abakwiibhiliyoni ezisixhenxe abaphila kwihlabathi ngoku, kwaye eli nani kuthwa linyuka ngokukhawuleza.

 “Ngabameli abakumawaka amabini abazakuba bemele amazwe abo , bephuma kumazwe akwikhulu namashumi amathathu ananye ehlabathi,” utsho uDibakwena. 

UNjingalwazi uTukufu Zuberi ophuma kwiyunivesithi yasePennslvania uzakube esenza intetho ephambili kulo mcimbi,  ecacisa banzi ngamanani wabantu abaphila kwihlabathi.

 Le yinkomfa yamashumi asibhozo anethoba elolu hlobo, kodwa iyaqala ukuza kweli leAfrika.

 Ilizwe loMzantsi Afrika linabantu abakumashumi amahlanu anesihlanu ezigidi ngokwengxelo zokugqibela zobalo-bantu lwango-2011.

 UMphathiswa uJeff Radebe uphakathi kwabaphathiswa abazakube bengqonge umongameli uJacob Zuma ngethuba ezakube esenza intetho yakhe kule nkomfa.