Aa! Dalibhunga! Ngesiphi na ngaphandle koxolo?

Kule veki, yale nyanga yeKhala, isizwe soMzantsi Afrika nehlabathi ngokubanzi lichwayitile, kuba kaloku kuhlonitshwa kukwabulelwa kuMdali nakumanyange ngobomi bukabawo uNelson Rolihlahla Mandela.

Oku kubulela kubangwa ingakumbi ligalelo lalo bawo ekwakheni isizwe egxininisa kwintsika yobomi, uxolo.

Uxolo yinto elula kakhulu nekhangeleka ingenamsebenzi, kodwa xa ubani eqwalasela kakuhle, uya kuphawula ukuba ngaphandle kwalo, kungagquba imbubho, intshabalalo, intiyano nobuntsalu obungafunekiyo phakathi kwabantu.

Ndithi xa ndicinga ngoMadiba waseQunu, kuhlunguzele intloko, kubekho uvakalelo lohlwabiyo oluhla ngomnqonqo, luye kuzinza kumazantsi omqolo.

Maxa wambi ndizive ndidandathekile ngenxa yokusilela koxolo kwihlabathi jikelele, ndiphinde kwamna ndizingce ngethamsanqa lokuba ngummi woMzantsi Afrika, ilizwe labathandi boxolo, nabakholosi ngoxolo abafana nobawo uRholihlahla Mandela.

Kwimbali yehlabathi ambalwa kakhulu amaqhawe namaqhawekazi athe etshutshiswa, etyakatywa kwaye ephucwa nobuntu bawo, asuke endaweni yokuthiya nokulwa abalingi, abangcikivi nababandezeli babo, bamise uxolo nobunye ngaphezu kokulwa nokuphalala kwegazi.

Owona mzekelo waziwa lihlabathi jikelele ngulowo kaYesu wasaNazarethe udandalaziswa kwinkolo yobuKrestu, nowathi etshutshiswa, etyakatywa, ebethelelwa nangezikhonkwane, wabaxolela abatshutshisi bakhe, ebaxolela egameni lokuba kusinde abantu kwintshabalalo. Abantu abanoxolo abonyulwa, koko bazelwe benoxolo ezintliziyweni.

Kubo eyona nto iphambili kubo luxolo, ukuxolela, ukuxolisa nokuxolelana. Iphindile yavela enye inkwenkwezi yoxolo kwilizwe laseIndiya, ivela ingubawo uMahatma Gandhi.

Lo bawo akanelanga nje kukulwela amalungelo abantu bezwe lakowabo phantsi kwamakhamandela engcinezelo, koko ube nalo negalelo ekukhululekeni kwabemi boMzantsi Afrika kubukhoboka bocalu-calulo.

Eyona nto yandichukumisayo kwimbali yalo mxolelanisi waseIndiya, ngamazwi akhe xa evalelwa kwizisele ezimnyama, ebethwa, ezila ukutya, etshutshiswa kude kuye kufikelela ekubulaweni kwakhe kabuhlungu.

Kubabandezeli nakubatshutshisi bakhe wema wabajonga, wabanqwenelela ukuzeka kade umsindo, wabayala ngokuba noxolo, agqibele ngamazwi obulumko nobukroti athi, “ningandiqamangela ngala matyathanga, ninditshutshise kangangokuba nide niwutshabalalise umzimba wam, kodwa, ingqondo yam ekholose ngobuntu noxolo, aninakuze niyikhonkxe.”

Nangoku ke abatshutshisi bakhe bade bambulala ubawo uMahatma Gandhi, kodwa bona abo wayebalwela ukuze baphile ngoxolo babe nexabiso lobuntu, ngenene basifumana isidima sabo ngenxa yemizamo nemigudu yakhe yomzabalazo ogxile kuxolo.

Nalapha ekhaya eMzantsi Afrika siye sasikelelwa kakhulu, ngokuthi kweli lethu ilixa lokuphila, sinikwe umqondiso woxolo, umqondiso wothando, nomqondiso wemvisiswano, lowo ke ngubawo uNelson Mandela, uMadiba waseQunu. Khawuzibuze le mibuzo mlesi: Ukuba bekunokufika umntu emzini wakho athathe igusha yakho, ibhokhwe yakho, inkomo yakho, nkqu nenkukhu le yembala, ubunokwenzani? Ubuza kumxolela?

Ukuba ubunokuvalelwa iminyaka engamashumi amabini anesixhenxe entolongweni, phofu uvalelwa kuba usilwela ukukhululeka kwabantu bakowenu, ubunokwenzani? Ubunokubaxolela abo bakuphuce ubomi bakho nobosapho lwakho ithuba elide kangaka?

Bangaphi kwilizwe lanamhlanje abantu abanokuthi emva kokungcikivwa eziseleni bengenzanga nto, bathi xa bephuma kwezo zisele baqale ngokuya ngqo kubatshutshisi babo nakwiintsapho zabo, babaxolele kwaye bakhuthaze intsebenziswano nemvisiswano?

Endimaziyo owenza oku nguMadiba waseQunu kuphela! Abacinezeli bamakoloniyali abazange bathathe nto incinane kuMadiba nakubantu bakowabo, bafika kwilizwe lakowabo njengeendwendwe, balihlutha balenza elabo. Nangona kunjalo, uMadiba wasicenga isizwe ukuba singalwi siqalekise, koko sibanike uthando, sibanike uxolo!

Inokuba bethu ukuba lobawo namahlakani akhe afana noobawo uTutu, Mbeki, Sisulu, Tambo nabanye abaninzi, bebengakhange bakholose ngokukhuthaza uxolo ngesiphi isizwe sethu namhlanje? Ngeliphalele kangakanani igazi labemi beli lizwe?

Nokuba singathini na mawethu, xa kukhunjulwa uMadiba kule veki, mna ndithi masimkhahlele simbulele ngokugunyazisa uxolo, kuba ukuba bekungenjalo, asazi ukuba ngesingabakabani na!

Naba baxolelwayo kodwa besaqhubekeka besithuka besinyamnya ngobuntsundu nobumnyama bethu, elam lithi mabaxolelwe ukuze babhuqwe zizazela zabo, batshutshiseke bodwa yintiyo yabo.

Ubawo uYali-Manisi ukhe wabulela kuwe Madiba ngokusimanya ngelithi: “Ubakhonzil`abaMbo nabaNguni; Wabakhonz`abeSuthu nabaTswana; Wawakhonz`amaZulu, amaSwati namaNdebele; Wawakhonz`amaShona, amaNyasa namaKhalanga; Wadib`izizw`ezikhulu nezincinane ngoxolo, Edal`umanyano lwamaAfrika, Ukuz`inimb`ibe nye yezizwe.”

Camagu Madiba waseQunu! Chosi!