Uzakukhunjulwa ngemibhiyozo enika imbeko kumsebenzi wakhe uKaizer Daliwonga Matanzima ekhayeni lakhe eQamata kwiveki ezayo. Ingxelo yosapho lakwaMatanzima ithi esi sangxa senkokheli yabaThembu baseRhode, izakukhunjulwa nanjengoko yathi yazalwa kule nyanga yeSilimela ngonyaka ka1915.
Othethe egameni lela khaya uNkosi Ngangomhlaba Matanzima, uthi bakubone kufanelekile ukwenza isikhumbuzo egameni lale nkokeli. “Wazalwa ngomhla weshumi elinesihlanu kweyeSilimela ngo1915, waza waphinda wabhubha ngomhla weshumi elinesihlanu kweyeSilimela ngo-2003, senza oku sinika imbeko kubomi bakhe nomzila omhle awushiyileyo,” ucacise watsho uMatanzima. UMatanzima ulawule iphandle laseTranskei ukusukela ngonyaka ka1979 emva kokubhubha kukaBhota Sigcau, waza wazibeka iintambo ngonyaka ka1986 enike kumninawa wakhe uGeorge Mzimvubu Matanzima. UKaizer Matanzima uzalwa nguNkosi uMhlobo Matanzima nonina uNogate, intombi yobukhosi bakwaMaphasa kuCentane, emaTshaweni.
Umzila wolawulo lukaMatanzima ungqinelwa ngamagqala kwinkokeli zopolitiko nakwiiNkosi zemveli. UNkosi Bukhosi Bigglesworth Mabandla, uthi naye uyayazi le ngqanga kaNogate. “Ubengumntu obathandayo abantu bakhe, ebuxabisile ubukhosi, uburhulumente baseTranskei bebusekelezelwe ebukhosini, nasekuhlaleni ebekufutshane nabantu bakhe, wayeyinqanda into yokuba kungene iivenkile ezinkulu ezinje ngooPick * Pay, esithi iivenkile zabamnyama azisoze zikhule, le ngxaki siyibonayo nanamhlanje leyo,” uthethe watsho uMabandla.
Owayesakuba yinkokheli yomkhosi owathi walawula eTranskei, uBantu Holomisa, uyincome eyityibela le nkunzi yasebaThenjini. “Kwidolophu ezingamashumi amabini anesibhozo zaseTranskei, imihlaba nezakhiwo yayizeza bantu baseTranskei, kuba ebefuna abantu bakhe baxhamle, walwela ukusungulwa kwala yunivesithi bekusithwa yiUnitra eyayilisetyana laseFort Hare ngelo xesha, yindoda le ekunokufundwa kuyo indlela yokuphatha ilizwe, hayi le mbuqe sikuyo ngoku,” uthethe watsho uHolomisa. UHolomisa uthi uMatanzima ebengumlawuli wabantu ngokuzalwa engenzeleleli. “Ukuba ukunika ixesha esithi uyakufuna eBhota Sigcau okanye eQamata, ufika sele engaphambili inguwe ofike emva kwexesha, imfundo, ulawulo oluzinzileyo nokuphuhliswa kwabantu baseTranskei, ibizizinto eziphambili kuye ezo,” ucacise watsho uHolomisa.
Usapho lakwaMatanzima luthi imibhiyozo yokukhumbula uDaliwonga izakuqala ngomhla weshumi elinesine, lowo ingumhla owandulela ukuzalwa kwakhe. “Ngalo mhla sizakuba sisazisa ngokusesikweni incwadi echaza ngembali yeli khaya lakwaMatanzima ebhalwe ngokubambisana nesebe lemicimbi yemveli nenkcubeko kuzwelonke,” utshilo uMatanzima. Umhla weshumi elinesihlanu wona izakuba ngumhla wengxoxo ebanzi ezakwenziwa zizithethi ezingekachazwa okwangoku, itsho ingxelo yekhaya lakwaMatanzima.
“Ikomishini ezathi zamiselwa emva kwakhe azizange zifumane nto ichaphazela yena nolawulo lwakhe kuba ebekwazi ukusebenza, ebelinene elisebenza ngento ebhaliweyo amaxesha onke,” uthethe watsho uHolomisa. Urhulumente kaMatanzima wamisela amaziko emfundo ephakamileyo akwishumi elinesithathu eTranskei ngexesha lokulawula kwakhe.
Silungiselela ukukhusela indebe yethu kwiWafcon, utsho uDesiree Ellis